Liphinde lasuba imiphefumlo udushe loo noteksi

UDUTYULWE wasweleka umqhubi weteksi, nomkhweli
obekule teksi ngamadoda angaziwayo kwilali yaseQweqwe eMthatha ngokuhlwa
kwangoMvulo. Esi siganeko sayanyaniswa nodushe loo noteksi oluqhubeka kwidolophu
yaseMthatha neziphaluka kwezi nyanga zintandathu zidlulileyo.

Ngokwengxelo la maxhoba adutyulwe emva kwentsimbi
yesibhozo ngoMvulo, kwaye ngamadoda azalanayo aphakathi kwe24 ne34 yeminyaka
ubudala.

Isithethi samapolisa eMthatha uKolonel Mzukisi
Fatyela usigxekile esi siganeko, esithi amapolisa azakuxoza mphini wumbi. UFatyela
uthi “Esi siganeko sibonisa mhlophe ukuba inzame zokulwa udushe loo noteksi
azonelanga. Asizukuyimela eyokudutyulwa kwabantu, ngabantu  abanenjongo
zabo. Sizakuhlala phantsi sijonge indlela eya phambili.”

Bebonke abantu asele beswelekile kudushe loo
noteksi bangaphaya kweshumi kwezinyanga zintandathu zidlulileyo. Usihlalo
weUmthatha taxi owners association (UTAO) uXolani Mahala uthi basothukile lolu gebengo.
Ukwathe abayazi ukuba baqale ngaphi ukugxeka ezi ziganeko zokubulawa kwabantu kolu
dushe. Amapolisa amemelele kuluntu olunolwazi ukuba banxibelelane nawo. Akukabikho
mntu ubanjiweyo.