Amapolisa afunisa eqhekeze ivenkile

AMAPOLISA aseMatatiele afunisa ngemigewu emibini
ebaleke nesixa semali ayiphange kwenye yeevenkile kule dolophu 
ngobubusuku bangoLwesibini. Le migewu isinde kudutyulwano ebeliphakathi kwayo namapolisa. Isibini ebesiyinxalenye yayo sidutyulwe sabulawa ngamapolisa. Amapolisa abike ukuba le migewu ibixhobe ife amacala ngohlobo lwemipu i9MM. 

Ingxelo yamapolisa ihambisa ithi, le migewu ivulele ngeembumbulu kumapolisa ebevale indlela, emva koko amisa isithuthi ebehamba ngaso ngakwi lali iSibi kufutshane nedolophu. Isithethi samapolisa eMatatiele uRaphael Motloung uthe: “Sicela nabani onokunceda sibambe abarhanelwa ababini abaqhekeze ivenkile sicela azise amapolisa akufutshane.” Uqhube wathi: “Emva kokuhletyelwa ngophango lwe venkile ethile amapolisa asabele ikhwelo, ze avingcwa indlela ngakwicala ebebesingise ngakulo abarhanelwa. Badubule kuqala ze babalekela ehlathini apho baqhubeleke nokudubula kumapolisa ebebaleqa. Aphindise izithonga ke amapolisa de achana abulala isibini sabarhanelwa.”

UMotloung uqhube wathi, le migewu ibhungce nesixa semali
esingachazwanga, oonomyayi neentwana-ntwana ezithengiswa ngaphakathi
kule venkile.
 Ukwathe, liyaxhalabisa izinga lohlaselo
nophangi lwee venkile eMatatiele nakwii dolophu eziyingqongileyo. 
Ulumkise oosomashishini ngelithi mabaqwalasele
ukhuseleko lwamashishini abo, balenze luqilima apho kukho imfuneko. 
Esi siganeko silandela emva kweveki nje
ezimbini  kubulewe imigewu emihlanu eyayisoyanyaniswa nophango lweevenkile
kuNtabankulu.

Inkumanda yamapolisa kulangingqi ukholoneli Kabelo Makeke
uwuncomile umsebenzi omhle owenziwe ngamapolisa esithi ukuba ebengazikhuselanga
ngebulewe kuba ebejongebe nezaphula mthetho ezinobungozi. Ukhuthaze amapolisa
ukuba athi gqolo ukusabela msinya ikhwelo lolwaphulo mthetho.