‘KwiChippa United sidlalela ukuphumelela’ – Sangweni

UKhapteyni weChippa United uThamsanqa Sangweni, ethetha ngomdlalo weliqela neSundowns kule cawe sikhangele kuyo
Amanye wamaqela ajongwe kakhulu kule sizini ikwiPremiership yiChippa United neMamelodi Sundowns. Ewe, ngenxa yendlela la maqela asebenze ngayo kwisizini ephelileyo nesiqalo sawo esihle kule sizini intsha. Akothusi ke ngoko ukuwabona edibana kumdlalo obalulekileyo. 
NgeCawe ngentsimbi yesithathu emalanga iiChilli-boys zamkela iSundowns kumdlalo weMTN 8 ojongwe ngamehlo abomvu eNelson Mandela Bay Stadium. Olu khuphiswano lwale ndebe lulona lutyebileyo. Iqela eliphumelele indebe lizakufumana izigidi ezisibhozo zeerandi (R8-million). 

IChippa United iya kulo mdlalo ukuzithemba kuphezulu kubadlali emva kokubetha iPlatinum Stars ngo’2-0 eRoyal Bafokeng Stadium kumdlalo wokuqala kwisithuba seeveki ezimbini ezidlulileyo. Ukapteni omtsha weli qela, uThamsanqa Sangweni, uthi yonke imidlalo ilungiselelwa ngendlela efanayo – kodwa emdlalweni ngamnye bafuna impumelelo. 

Le ntetha (kaSangweni) ihambelana ncakasana nekaDan Malesela ayenze ekupheleni kwesizini ka’2015/16, eGoli, apho wathi iChippa kufuneka ilwele iindebe kule sizini. “Amalungiselelo omdlalo ahamba kakuhle. Kuninzi ekusafuneka sikulungise ngoba kusekho iimpazamo emdlalweni wethu – kodwa phambi kwalo weMTN 8 ndingatsho ukuthi sisebenza ngokuzimisela. 

Sobe ndixoke kuwe, akukho malungiselelo wabadlali abathile kwiSundowns esiwenzayo – iingqondo zethu sizibeke kumsebenzi wethu,” utshilo uSangweni ethetha neli phephandaba. Njengokuba iChippa iliqela elidlala ibhola ephucukileyo futhi liphumelela nemidlalo – kuninzi okulindelweyo kuyo ngabalandeli. 
“Into esazixelela yona phambi kwale sizini kukuba kufuneka kubekho indebe esiyifumanayo. Sifuna ukonwabisa kakhulu abalandeli bethu. Sizakulwela zonke iindebe kule isizini,” utsho uSangweni. Lo mdlali-siswini unikwe uxanduva lokukhokela iChippa United kule sizini intsha. Yinto leyo enganikwa nokuba ngubani – akothusanga kodwa xa lo msebenzi unikwa uSangweni ngoba ungumdlali onentlonipho kakhulu, odlala ngokusizimisela futhi ongumzekelo omhle kwabanye abadlali. 

“Ukuba ngukapteni kuyandivuyisa – kodwa okubalulekileyo kum kukubambisana namajita ebaleni,” utshilo ukapteni weeChilli-boys. Lo ngumdlalo ozakubanzima kwiChippa ngoba iSundowns inabadlali abayingozi futhi abasebenza ngokuzimisela ngamaxesha onke.
 Kodwa ke akukho sizathu sakuxhalaba ngoba uDan “Dance” Malesela uyakwazi ukumelana namaqela amakhulu. Wenze njalo ekupheleni kwesizini ka’2015/16 ngethuba iChippa ibetha i-Orlando Pirates neKaizer Chiefs ngokulandelelana.