“Sifundisana ubuntu singaMakhosi” – Nonaliti

K

Pedro Mapelo: Siyakwamkela kweli phephandaba. Ngokufutshane, inkosi le ngubani?

Fundile Tati: Igama lam ndinguFundile Tati – kodwa abantu bandazi ngegama likaNonaliti. Ndalithiywa ngabalandeli beKaizer Chiefs ukuba ndinguNonaliti ngenxa yengoma yam endandithanda ukuyicula ethi: “Nonaliti ndiyakuthanda mntwana womuntu.” Ndihlala kwindawo yase-Orange Groove, eWest bank.

PM: Uqale nini ukulandela ibhola neKaizer Chiefs?

FT: Yooh! Ndaqala ngo’1990 ukulandela iChiefs.

Ngalo maxesha sasibhatala isheleni (10c) xa sifuna ukubukela imidlalo kwimizi enoomabonakude (TV). Ndabayinxalenye yeKaizer Chiefs Supporters apha eMonti ngo’1999. Kwabamnandi ke, satsho saqala ukujikeleza eli lizwe lonke ngenxa yothando lwebhola. Zange ndohlukana nengoma yam “uNonaliti ndiyakuthanda.”

PM: KUbaluleke ngantoni ukuba sesebeni xa ungumlandeli?

FT: Kumnandi kakhulu ngoba sidibana nabantu abohlukeneyo, abaphuma kwiindawo ngeendawo. Sonke xa sidibene sibayinto enye, akukhathaliseki nokuba uluhlwempu okanye usisityebi. Xa sihlangene siyakhana kakhulu nangezinto zobom.

Enye yezinto ezibaluleke kakhulu kuthi kukunceda abantu abahlelelekileyo ekuhlaleni. Thina singabalandeli siyaqinisekisa ukuba abalandeli bethu bachubekile, kwaye bayayazi le nto kuthiwa ngumntu. Ndikucaphukela kakhulu ukulwa kwabantu abathanda ibhola.

PM: Amakhosi akaqhubanga kakuhle kwisini ephelileyo, nilindele ntoni kule isizini?

FT: Silindele lukhulu. Nditsho nje iChiefs ayikabiyiyo leya siyaziyo – kodwa ndiyambona umqeqeshi (Steve Komphela) uyazama.

Ndiqinisekile ikhona into esizakubuya nayo kule isizini. Simthembile uKomphela, uzakuziguqula izinto – kodwa nabo abadlali kufuneka banyuse iikawusi.

PM: Ngubani umdlali okholisekayo nguye kwiChiefs?

FT: NguGeorge Lebese. Nditsho kuba ungumdlali okhethekileyo, ndinethemba lokuba uyakuthi ukuyibamba kwakhe indlela yakhe yokudlala – sakubona izimanga.