Funda incwadi uzixhobise

Isebe
lemfundo esisiseko lizakumisela ngokusesikweni iphulo lokukhuthaza ukufunda kwinkonzo yamaWesile eNtabankulu libambisene ne-UNESCO kwakunye ne-Eastern Cape
English Educators Association ngale mini. Umhla wesibhozo kweyoMsintsi ngumhla weInternational Literacy Day kwihlabathi ngenjongo zokukhuthaza ukunyusa izinga
lokufunda. 

Lonyaka ngowamashumi amahlanu kuqhutywa eliphulo ngumbutho we-UNESCO, umxholo walo nyaka uthi “Sinda imbali, sibhala ikamva.” I-UNESCO
yenza oku ikhuthaza abantu namazwe ehlabathi ngokubanzi ukuba akhuthalele
ukufunda incwadi ukuze bazixhobise ngolwazi.

Isebe
lemfundo esisiseko kweli lamisela iphulo elibizwa ngokuba yiRead to Lead
kunyaka ophelileyo ngenjongo zokuphucula umgangatho wokufunda kuMzantsi Afrika.
Eliphulo lijolise ukukhuthazeni uluntu kwimingxilo eyahlukileyo yentlalo ukuze lufunde emakhaya, ezikolweni, emisebenzini nakwindawo zolonwabo. Elisebe
likhuthaza uluntu nabafundi  ukuba
bafunde incwadi ukuze baxhobele ikamva.