Bakhala ngeklinik encinci engenamagumbi okulinda eLusikisiki

Abahlali baseLusikisiki befole phambi kweVillage Klinik Umfanekiso: Buziwe Nocuze

Iingqele eziqhaqhazelisa
umzimba ebusika kwakunye nengqatsini yelanga ehlotyeni ziyazenzela kubahlali baseLusikisiki
abasebenzisa iVillage kliniki ekule dolophu. Abahlali bakhala ngelithi amagumbi
okulinda mancinci, nto leyo ibenza balinde beme ngeenyawo ngaphandle.

USiviwe Ntozakhe ongomnye
wabahamba uthe, “Sigodola phandle apha neentsana zethu ezincinci ziyagodola.”
Uqhube wathi, bekungakuhle xa benokwakhela iklinik enendawo zokuhlala zokulinda
phambi kokuba bafumane ugqirha okanye abongikazi.

 Aba
bahlali bama phandle bafole, belinde ukuxilongwa okanye beyokuthatha amayeza.
Bakhala ngelithi loonto iyabagulisa kuba balinda ixesha elide.

UNomarashiya Sikhuni obezise
usana lwakhe uthe kubuhlungu ukugodola phandle kwaye kubanzima nangakumbi xa
uzogolisa nomntwana, kungekho nendawo yokutshintsha abantwana. “Iintsana zethu
ziqhaqhazela zincame, nathi asikwaz’ ukwenza ngakumbi kufuneka sinyamezele,”
uqhube watsho. USikhuni uthe abanye abantu bagula nangakumbi xa sebefikile
ngenxa yengqele nokulinda bemile ixesha elide bengaphandle. Uthe, “Sicela urhulumente
asincede, siyaphela yingqele kwaye nasehlotyeni ngenxa yelanga.”,

Isithethi sesebe
lezempilo eMpuma Koloni uSiyana Manana uthe isebe belingenalwazi lokuba kukho
ingxaki efana nale. UManana uthe eli sebe lizakukhangela iindlela elinokuthi
lincede ngayo. Uthe okwangoku akukho sicwangciso sokwakha enye iklinik, kodwa
zingenziwa iinzame zokulungiswa iingxaki ezifunyanwa ngabahlali, ngelokuqanda
ukuba bafunyanwe zizigulo bekwindawo ekufanele ukuba inika uncedo.