Ugwetywe iminyaka esibhozo, owabulala umfazi ngenxa yezibindi zenkukhu

Izakudontsa iminyaka esibhozo entolongweni indoda yelali yakuMente, kuGatyana, eyabulala umfazi wayo ngenxa yezibindi zenkukhu. Le ndoda
igwetywe le minyaka yinkundla kamantyi wesithili sakuGatyana.

UMabefu Mbundwana (69) wabetha wabulala umkakhe uNofinish Mbundwana (66), kuba engazange amphekele izibindi zenkukhu awamyalela ukuba azipheke.

Isithethi samapolisa kula mmandla, uKapteni
Jackson Manatha, sithe le ndoda yambetha ngenduku wade wasweleka unkosikazi
wayo.  
Esi sihelegu senzeke ngenyanga yoKwindla emva
kokuba esi sibini sibuye ukuyokwamkela imali yendodla.