UNtshumayelo uthiwe nka iminyaka emine

Ikamva likaThandani Ntshumayelo limfiliba emva kokugwetywa iminyaka emine engadlali ngenxa yokusebenzisa amachiza angavumelekanga Umfanekiso: Backpage Pics

Umdlali siswini we-Orlando Pirates, uThandani Ntsumayelo, usikwe iminyaka emine yonke engathathi inxaxheba kwibhola ekhatywayo emva kokufunyanwa kwechiza elingavumelekanga egazini lakhe.

Lo mdlali wavavanywa ngesiquphe ngumbutho olwa ukusetyenziswa kweziyobisi emidlalweni, South African Institute for Drug-Free Sport, kwinyanga ephelileyo.

Iziphumo zabuya zidiza ukuba ngokwenene lo mdlali unechaphaza lechiza elinavumelekanga egazini lakhe.

Iingxelo zithi uNtshumayelo uvumile ngekwenene ukuba wazisebenzisa iziyobisi emva kokulukuhlwa ngomnye umdlali osondeleyo kuye.

Ukuzothi ga ngoku iPirates ayikenzi zwi ngesi sehlo. Bekukho amahum-hum ekupheleni kwesizini ephelileyo athi lo mdlali angathengiswa yiPirates phambi kokuqala kwesizini entsha.

Ikamva lakhe lingathanda ukubamfiliba ukuba iminyaka emine ayigwetyiweyo ihlala njengokuba injalo.

UNtshamayelo unalo uthuba lokufaka isibheno okanye ayokungxengxeza phambi kweSAIDS ukuze kuqwalaselwe ngokutsha isigwebo asinikiweyo njengomntu oqalayo.