Kutyhilwe ilitye elinika imbeko amakhosikazi eMpuma Koloni

Inkulumbuso yeMpuma Koloni uPhumulo Masualle, ethetha noonondaba eKomani ngethuba etyhila ilitye eliqulathe amagama amakhosikazi ale ndawo awayethathe inxaxheba kuqhankqalazo lango1956. Umfanekiso: Siyabulela Mqikela

Inkulumbuso
yeMpuma Koloni uPhumulo Masualle utyhile ngokusesikweni ityile lesikhumbuzo eliqulathe amagama wamakhosikazi awathatha inxaxheba kumalinge okuphelisa inkqubo yamapasi ngo1956 kumbindi wedolophu yaseKomani. Lamakhosikazi enza imbali kwihlabathi ngokuthi abambe umngcelele woqhankqalazo osingise kwizakhiwo zomdibaniso ePitoli, kwinkulumbuso yelo xesha uJG Strydom.

OkaMasualle uthe, “Senze
uphando safumana ukuba apha eKomani akhona amakhosikazi awayinxalenye yoluhambo olwalusingise ePitoli besiya kuthatha inxaxheba kolo qhankqalazo lango1956. Omnye wabo mama ukhona apha.” Eli litye lakhiwe
kanye kumbindi wedolophu, lingenelela kwimbali etyebileyo yaseKomani. Lamakhosikazi ayephuma kwiidolophu ezahlukileyo ezingqonge iKomani, adibana khona ezilungiselela ukuya kuthatha inxaxheba koloqhankqalazo lwembali. “Sityhila eli
litye sinika imbeko sikwagcina elibali lityebe kangaka elathi laba negalelo
elimandla kwinguqu zokukhululwa kwabantu boMzantsi Afrika,”ucacise watsho
uMasualle.

 Kweli litye kubhalwe amakhosikazi ambalwa awathi athatha inxaxheba koluqhankqalazo, logama
amanye agama kusalindeleke ukuba afakwe ekupheleni kwalonyaka. “Ikhona inkqubo
elandelwayo ezama ukufumana onke amagama waba mama basafumanekayo ukuze nawo abhalwe kwelilitye. Sikhethe lendawo yase Komani, nangona besinokulisa eli
litye nakwenye indawo,”uvale ngelo okaMasualle. 

URosebela Joyi ongomnye womama ababekhona ngalomini ngethuba uloliwe eshiya isikhululo esingise ePitoli ubalule amava akhe esithi, ”Sasibancinci abanye bethu ababethathe inxaxheba
koloqhankqalazo, kodwa okwasivuyisa ngamandla kukuzibona sigaleleka kwezo
zakhiwo zakomkhulu ePitoli sigqithisa umyalezo nezikhalazo zethu
kulo rhulumente.” Uthi kubuhlungu ukubona imeko ezigqubayo
kwimibutho eyayisilwela inkululeko.”Sibuhlungu kakhulu kukubona abantwana
nabazukulwa bethu bengathi bafuna ukusiphindisa emva apho besisuka khona,”ukhalaze ngelitshoyo uJoyi.