Kubanjwe umrhanelwa wamnye obulele abafundi baseNMMU

Sele kubanjwe wamnye umrhanelwa ngamapolisa aseBhayi malunga netyala lokuxhwila, lokudlwengula kwanelokubulala umfundi weYunivesithi yaseNMMU kwiveki edlulileyo. Umrhanelwa obanjiweyo uneshumi elinesibhozo ubudala (18). Isithethi samapolisa alammandla uKenel Priscilla Naidu uthi, umrhanelwa lo ubanjwe ligqiza ebelibekelwe ukuba liphande ngelityala, ubanjwe ngoLwesithathu kwilokishi yakwaZakhele eBhayi nalapho aye wafunyanwa enezinto zexhoba ekurhanelwa ukuba walidlwengula, elinye walibulala.

UNaidu uthi umrhanelwa ulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla yamatyala aseBhayi kungekudala.

UNadiu: “Kusalindeleke ukuba kubanjwe abarhanelwa abane.” Ukubanjwa kwalo mfana kula ndela emveni kokuba kwathi kwaxhwila imoto ikhwele abafundi ababini kwindawo yokugcina iimoto zabafundi kule yunivesithi kwikhampasi iNorth End ngomhla weshumi elinesine kule nyanga sikuyo apho kwaye kwadlwengulwa umfundi wasetyhini ze kwabulawa onamashumi amabini anesibhozo waseMthatha kwimoto yabo. Imoto le eluhlobo lwe VW Polo yabhaqwa inyengezwe Kwazakhele emveni kosuku ilahlekile.

Abalawuli bele yunivesithi badlulisa amazwi ovelwano kolusapho.