Inkundla iyibhangisile i=EPRU

Izolo imanyano yombhoxo yeMpuma Koloni iEP Kings ide yabhangiswa kwinkundla ephakamileyo yeliphondo eBhayi. Ingxelo ebezivele ngaphambili bezithe le manyano ineengxaki zemali isanqunyanyiswe okomzuzwana, ngomhla weshumi kweyoKwindla. Lento ilandela emva kokuba abase magunyeni kulo mbutho bengakwazanga ukusombulula iingxaki zemali ebezilandela umbutho. Umbutho uye wohlulakala ukubhatala abadlali imivuzo yabo ukusuka kunyaka ophelileyo, kwaye zaqengqeleka inyanga. Ingxoxo ngokubhangiswa kwalo mbutho ziye zaqhuba nalapho bekumelwe abadlali abangamashumi amathathu anesithandathu, kwinkundla ephakamileyo yaseBhayi. Isigqibo senkundla sasithe le manyano kufuneka ufike umhla weshumi kuCanzibe izisombulule zonke ingxaki ezidibene nemali eyintlawulo yabadlali. Besikhona isicwangciso soshishino nebekulindeleke ukuba sihlangule le manyano, nesanyanzelisa ukuba lo mcimbi ubekwe bucala kude kufike umhla wesine kule nyanga. Ingxaki kukuba khange kufumaneke mxhasi ufanelekileyo unokuhlangula le manyano, de yabe iyabhangiswa ngokuse sikweni. Le nto ithetha ukuba i-EP Kings iza kususwa kwimidlalo ezayo yeCurrie Cup. Eliqela beselinemidlalo elinayo kwimidlalo yalendebe.