Isagcwele ukuzithemba ngephumelelo iDA eBhayi.

ISAGCWELE ukuzithemba iDA ngelithi izakuliphumelelo
iBhayi. Ongangumphathiswa kwisebe lentsebenziswano kurhulumento xa kungalawula
iDA, uKevin Milhelm uthi amanani abakhokele ngawo bengulo mbutho kuveza mhlophe
ukuba iANC ngeke ibe sabadlula. Ngaphambili, usekela mphathiswa wonxibelelwano
uStella Ndabeni-Abrahams uthe, iANC seyiphumelele iiWadi ezingamashumi
amathathu anesithandathu, kwezingamashumi amathandathu. UNdabeni-Abrahams, “Xa
sesiphumelele eza Wadi, sidinga kuphela kuphela amashumi amabini anesihlanu
ezihlalo, siqinisekile ukuba sizakuzifumana, njengoko kusabalwa.” UMilhelm uthe
“IANC mayilumkele ukukhwaza ingekaphumi ehlathini, mayiqwalasele umgama
ophakathi kwethu nabo.” Ukwathe iDA iqhube kakuhle kakhulu ngokuthi yandise
izihlalo eMatatiele, iphumelele izihlalo ezibini eMbizana, kwaye seyiphumelele
kumasipala wase Kouga. IDA ibisemi kumashumi amahlanu eepsente eevoti, iANC
ilandela ngasemva ngamashumi amathathu anethoba kumashumi asixhenxe anethoba
eevoti esele zibaliwe.