Amabanjwa akhe indlu ngokokutsha

KUPHELILE ukuhlala kwizihlobo kusapho lakwaNakuphi eWeza kuGatyana emva kokuba amabanjwa alendawo ethe ayivusa indlu ethe yatsha ngumlilo.

UZoleka Nakuphi (38) waye saye esingcwabeni ngethuba esiva ngomkhosi ukuba kuyatsha kwakhe.

Ngethamsanqa abantwana bakhe abathathu abazange bachaphazeleke kulo mlilo. Emva kwentlungu yokutshelwa yindlu, uNakuphi wabika oku kuMsamariya olungileyo uMthunzi Mhaga.

UMhaga uthi emva kokuva le ntlungu wathetha nomhlobo wakhe okwezoshishino emva koko wathetha nesebe leenkonzo zoluleko kule ngingqi.

“Esebenzisa izakhono zawo, la mabanjwa athe ayakha indlu yalo mama,” kutsho uMhaga.