URabada usothuswe ziimbasa azifumeneyo

Umdlali ogibiselayo kwiProteas, uKagiso Rabada, wenze imbali ngokuba ngumdlali wokuqala ophumelele iimbasa ezintandathu kumsitho wokuwonga weCricket South Africa.

Lo mdlali ubenesizini entle kakhulu nenomtsalane emva kokudlala kwakhe okokuqala kumdlalo wovavanyo weProteas kwisizini ephelileyo. Ufike kweli nqanaba wazibonakalisa ukuba ukufakwa kwakhe khange kube yimpazamo.

Elona wonga libalulekileyo lelokuba ngumdlali obalaseleyo eMzantsi Afrika, ungumdlali wokuqala ukuphumelela amawonga amathandathu, bobabini uHashim Amla no-AB de Villiers baphumelele amahlanu. URabada useneminyaka engamashumi amabini ananye, lento imenza abe ngoyena mdlali umncinci ukufumana iwonga elikhulu kangaka kwiqakamba.

Abanye abadlali abasibhozo abafumene iwonga lomdlali wonyaka ngaphambili, ngaba: Jacques Kallis, Makhaya Ntini, Hashim Amla no-AB de Villiers, Shaun Pollock, Dale Steyn, Graeme Smith noVernon Philander.Ukwangeza kweli wonga likhulu, lo mdlali ufumene iwonga leCastle Lager lo mdlali wonyaka newonga leCastle Lager lo mdlali obalaseleyo wosuku olunye. Abanye abadlali bamwonge ngewonga lo mdlali ohamba phambili ngokuvotelwa ngabanye abadlali, wafumana newonga ngokuvotelwa ngabalandeli. Inkcukacha manani ngendlela agibisela ngayo ziyamthethelela ngokwazo, ufumene oothinti abangamashumi amabini anesine kwimidlalo emithandathu.

Mabini kuphela amawonga angaphumelelanga kuwo uRabada, la mawonga aquka umdlali obalaseleyo we-Oxygen T20 ethathwe ngu-Imran Tahir newonga leKFC “So Good” elifunyenwe nguTemba Bavuma.

“Andikhange ndicingele ukuba ndiza kufumana amawonga amangaka. Kwelinqanaba ebomini bam khange ndicinge ndingafumana iwonga elifana neli. Yonke lento ingathi liphupha,” utshilo uRabada.