‘Uxolo sithandwa sam’

“Ubunamaphupha amaninzi ngam. Sithandwa sam, sihlobo sam sokwenene, myeni wam.” Lawo ngamazwi kaLetshego Zulu oyinkosikazi yomdyarhi weemoto ongasekhoyo uGugulethu “Gugu” Zulu.

ULetshego benika imbeko yokugqibela kwinkonzo yesikhumbuzo yomyeni wakhe osutywe kukufa ngoMvulo weveki ephelileyo, suku olo lwaziwa njengeMandela Day, ngethuba ezama ukonyuka intaba iMount Kilimanjaro eseTanzania kwiphulo lweTrek4Mandela, lokuqokelela ingxowa-mali yokunceda ngeziqhusheki zangaphantsi (Sanitary Towels) kubantwana abangamantombazana abahlelelekileyo.

Kumyalezo wakhe obufundwa phambi kokuba azithethele ngokwakhe, uLetshego uthi umyeni wakhe ebengoyena mhlobo wakhe wokwenene. Kwaye ukwathi undulukele kwindawo efanelekileyo.

“Uhambele kanye kwindawo eyiyo. Yonke into eyenzekayo yayibhaliwe ezincwadini, kwaye yenzeka ngokweencwadi.”

“Besifuna ukubonisa abantu ukuba luninzi ulonwabo noku nokwenziwa kwilizwe lethu. “Ubunamaphupha amaninzi ngoLelethu (intombi yabo encinane). Ndikuthembisa ngokumthundezela kubomi bethu bobugorha, bobudela-ngozi.” Intombi kaGugu uLelethu, iqale esosikhumbuzo ngokuthi gqolo ilila.

“Ubuluxabise ngamandla usapho lwakho. Ubujonge kutata wakho. ebeliqhawe lakho. Ubufuna ukufana naye, wabe ungayazi wena ukuba ubufana naye. “Ubuthetha ngothando ngabantu obudibana nabo. Ubomi bakho bokuzingisa buyancomeka,” utshilo uLetshego.

ULetshego, nophakame wakhwela eqongeni enxibe ilokhwe eluhlaza, nanjengoko esithi lowo bingumbala othandwa nguGugu, uthe: “Uphezulu phaya, ujonge kum uthi ‘sithandwa sam, uxolo’.”

Izalamane, usapho, abalandeli kunye nezihlobo zikaGugu, bebenyembezana ngethuba behlanganisene eKyalami race track izolo, ngelizokuthi ndlelantle kweli qhawe.

Isihlobo sikaZulu, uAndre Ross, uthe: “Bendikuxabisile Gugu, ubuyindoda ethabatha uxanduva ngomntwana wayo. Gugs, ubuyindoda engaboni bala, elakho okanye lomnye umntu.”

USello Hatang weNelson Mandela Foundation, uthe umqela kaGugu liqhina elinye nalowo kaMadiba. “Mxelele (uMandela) ukuba ubhubhe uzama ukufezekisa iphupha lakhe ngeli lizwe.”

Unina kaGugu, uPuleng Zulu, yena umemelele abazali ukuba bakwenze oko kufunwa ngabantwana.

Uthi uGugu eseminyaka emithandathu, wayefuna ukuba ngumqhubi weemoto. “Bazali, ukuba abantwana bafuna iithoyi, bathengeleni, mhlawumbi oko kukuqala kokufezekiswa kwephupha,” utshilo.

UZulu ubhubhe emva kokukhala ngeengxaki zokuphefumla.

Inkonzo yokubekwa kwakhe kwikhaya lokugqibela izakubanjwa ngomso eRhawutini.

simphiwe.freddie@inl.co.za