Libuyela enkundleni idabi leentatheli

LIZAKUQHUBA namhlanje kwinkundla yengqesho idabi phakathi kweziko leendaba iSABC kwakunye nezinye zeentatheli ezigxothwe kweli ziko.

I-SABC idontselwe kule nkundla yimanyano iSolidarity emele iintatheli ezigxothwe leli ziko, ezine, uKrivani Pillay, uJacques Steenkamp, uSuna Venter kwakunye noFoeta Krige.

Izolo lo mba uye wamiswa yile nkundla emva kokuba kungekho nomnye kubalawuli beSABC. Ijaji yenkundla yengqesho ebichophele eli tyala uRobert Lagrange ubenamazwi arhabaxa ngakwigqwetha leSABC uBantubonke Tokota ngokungaphumeleli kwabalawuli beli ziko ngelokunika imiyalelo kwigqwetha.

Phambi kweli dabi iNgqonyela yeSolidarity uDirk Hermann ithe, uninzi labasebenzi abagxothwe nguSABC bayinxalenye yeli tyala, bemelwe ngamagqwetha kwakunye neemanyano zabasebenzi abaphantsi kwazo.

“Ngumzekelo ozakulandela kubo bonke, kuba impumelelo yezi ntatheli kweli tyala izakunceda zonke iintatheli ezigxothwe ngesenzo esinje, kuquka nabo bazimele ngokwabo.”

Ukwathe imanyano yabemi boMzantsi Afrika ebonakaliswe kwezi ntatheli ngumzekelo onika ithemba kubemi beli lizwe.

UHermann uthe igosa eliyintloko kwaSABC uHlaudi Motsoeneng akanasebe lepolitiki azimela ngalo phambi kwenkundla yomthetho. Isibini sezi ntatheli zigxothiweyo uBusisiwe Ntuli kwakunye noThandeka Gqubule bathethe nabeendaba emva kokuba bephumile enkundleni.

UNtuli uthe, “Sifuna inkundla yomgaqosiseko ingenelele kuba imithetho yokusebenza kweentatheli eSABC ayivumelani nomgaqosiseko weli.”

Ukwathe ingxaki ayingoMotsoeneng, yindawo emvulela ukuba aqhube ngohlobo aqhuba ngalo. UGqubule wenze umbulelo kwabo bathe benza igalelo lemali bexhasa ezi ntatheli emva kokuba zithe zagxothwa.

Ukanti ukugoba uphondo kweSABC kwinkundla yoMntla weRhawuti kwisithintelo ebesifakwe yiHelen Suzman Foundation kuphakamisa umoya wemanyano iSolidarity.