Uvavanyo: 2016 Peugeot 208 GT Line 1.2 PureTech Turbo Auto

Kulamalanga zithande ukuxhaphaka mpela iinjini ezi-mbiza-ntathu (3-cylinder). Kaloku abakhi bonke baleqa ukuzama ukuba umthengi alondoloze kula maxabiso efutha anyuka nyanga nenyanga, futhi bezama ukuba iimoto zabo zibenokuphazamisana okuncinci nendalo emhlabeni.

Andithi iimoto zikhohlela i-carbon monoxide qho xa uyidumisa. Abakwa-Peugeot baqonde ukuba umthengi angathanda ukuba kwimoto engabhodli kakhulu izingcolisi-moya, kodwa ngaxesha nye ibukeke ngathi i-sporty ngokwenene.

Nantsi ke i-Peugeot 208 GT Line 1.2 PureTech Turbo Auto (ikhona neye-manual) entsha abanirhalelisa ngayo. Bayakhe ukuze ifane nomanqam we-208 GTI, kodwa ifikeleleke lula kwixabiso. Masiyiqwalasele.

Ngaphantsi kwebhonethi i-208 GT Line Auto bayixhobise ngamandla angange-81kW/205Nm aphuma kwinjini ye-1.2 PureTech Turbo. Asinazo ezokumenta ngobuchwephesha, kodwa abakwa-Peugeot bathembisa ukuba ingasuka emgceni ifikelele ku-100km/* nge-9.8secs (9.6secs kweye-manual), futhi iphunge ithontsi kangange-4.5lt/100km.

Ngale veki yovavanyo ekha’pha asikwazanga ukuyehlisa ngaphantsi kwe-6.4lt/100km noba besinyathele umcephe njengokusinda kosiba lomqhagi. Iyancomeka ke kodwa naleyo yokuphunga kangako.

Endleleni iyancomeka mpela indlela etsala ngayo. Ewe, ibithutha usapho lwabantu ababini nosana oluncinci, kodwa qho xa ibiqhwithwa ibiye iqhwitheke.

Nezaampondo zayo zokuqhuba (ezombathiswe ngofele olumtofo) zilulwakhiwo oluncinci kunesiqhelo (xa uthelekisa nezinye iimoto kwelinqanaba), oko kuye kunike i-208 GT Line ukuvakala ngathi isoloko ilungele ukuqhutywa njengenqwelo enenjini (go-kart). Nesa singqi sala njini imbiza-ntathu sivakala mnandi siyantyontyelisa.

Iyancomeka indlela abayakhe ngayo i-208 GT Line, kuba i-suspension ivakala ntofo-ntofo, izigingqi azixhuzulisi kodwa inxibe ii-17inch low-profile zamavili.

Siye sibhideke ke, kuba oku kuyenza ibambelele ngokungakholelekiyo emagopheni ngala mavili, kodwa umqhubi uye angavi kakuhle apha ezandleni ukuba amavili enzani okanye ajonge ngaphi.

Ngaphakathi kwicala lomqhubi, bathiye ulwakhiwo lwe-dashboard bathi yi-cockpit, ngenxa yokuba izalathiso-santya pha phambi komqhubi zibonakala ngaphezulu kweempondo zokuqhuba, azisabonakali ngaphaya ngemva kweempondo zokuqhuba njengesiqhelo.

Olwafafazo lombala obomvu kwi-grill ngaphambili luphumela ngaphakathi, kumgca obomvu kwibhanti lezihlalo, kwisibambi socango nakumthungo kwizitulo ezo zogqunywe ngofele. Iifestile zezombane macala onke, ne-glovebox ibandisiwe.

Ngethamsanqa amaqhosha okulawula amaqondo obushushu alapha emazantsi ngaphantsi kwe-7-inch touchscreen yakwa-Peugeot apho yonke enye into ifumaneka khona. Imingxunya ye-USB/Aux ne-Bluetooth zikhona simahla.

Eyona ngxaki inayo le-208 GT Line kukuba ixabiso layo liyancwinisa. Zikhona ezinye iimoto esingathi zikhuphisana nayo kwaye zaziwa ngokuthembeka futhi zinamandla ngaphezulu kwayo i-208.

Sithetha nge-VW Polo TSI Highline DSG ngokuthembeka ne-Opel Corsa Sport ena-110kW ngokogqithwa ngamandla. Zombini ezimoto zingaphantsi kwale-Peugeot 208 GT Line Auto ngamaxabiso.

Kodwa ungoyiki mfundi. Ukuba ungalalela amaxesha onyaka athile apho amaxabiso ancitshiswa khona kwa-Peugeot, ungazifumanela eli gundwana ngecham elincumisayo.

Sithanda: Iyabambelela njengencutshe emagopheni xa uyilahlela ngobundlobongela, ihlangene kulwakhiwo, inomtsalane emehlweni, isithuba sanele, linene ekuphungeni ithontsi.

Asithandi: Ayilo cham ukuyifumana kwinqanaba le-GT Line (caba ukuyizisa apha e-Mzantsi kuyadura), idinga amandla angezelekileyo.

Amaxabiso:

Peugeot 208 Pop Art 1.0 PureTech Manual – R169 900

Peugeot 208 Active 1.2 PureTech Manual – R224 900

Peugeot 208 GT Line 1.2 PureTech Turbo Manual – R384 900

Peugeot 208 GT Line 1.2 PureTech Turbo Auto – R304 900

Service Plan – Iminyaka eyi-3 / 45 000 km

Warranty – Iminyaka eyi-3 / 100 000 km

Silandele ku-Twitter naku-Instagram ku-@ilisolezwe okanye ulandele intatheli ku-@doughZAR.