UNdoro uthembisa abalandeli be-Orlando Pirates

Lumenza oyike uthando alufumana kwubalandeli be-Orlando Pirates umdlali waphambili uTendai Ndoro ohamba phambili ngokweevoti kubadlali ekulindeleke badlale umdlalo weCarling Black Label ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga eFNB Stadium.

UNdoro [91 254 yeevoti] nonozinti weKaizer Chiefs, * -Itumeleng Khune [122 433], ngabo abaphala phambili ukuzothi ga ngoku ngeevoti kwiCarling.

Nangona lo mdlali engakwazanga ukufumana ithuba lokudlala kwiPirates ukuqala isizini ephelileyo, kodwa uthe akunikwa ithuba lokudlala kwisigaba sesibini sesizini, walibamba ngezandla zozibini futhi wafaka inqwaba yamagowuli. Yiyo lo nto namhlanje engoyena mdlali othandwayo nothenjiweyo ngabalandeli beqela lakhe. Konke oko kwenzeka ngethuba kusekho umqeqeshi osele ekwelinye iqela ngoku, * -Eric Tinkler.

Kwincoko lo mdlali ayanze nephephandaba lemihla ngemihla, Isolezwe, uthe nangona ekuvuyela ukuhamba phambili ngeevoti, kodwa iyamoyikisa lo nto ngoba kufuneka eyibhatele ngokuthi adlale kakuhle.

“Kuhle futhi kumnandi ukubona abalandeli bakho bekuva ngaphakathi entliziyweni. Nakubeni kunjalo, kodwa kufuneka ndibonwabisile nabo. Abalandeli bavota ngemali yabo kolu luhlu labadlali abafuna abadlali. Ndizimisele kakhulu ukubavuza ngokubonisa kwabo ukuthembela kum. Ukuba sonke singabadlali singanalo olu valo ndinalo, singaqhubela phambili nokuphumelela imidlalo ukuze bonwabe,” utshilo uNdoro.

Lo mdlali uthi kwisizini ezayo izinto zizakuba ngcono ngoba kule iphelileyo ebesoyika kakhulu kwaye enye into angeke ayilibale lithuba lokudlala alinikwe nguTinkler, into ebangele ukuba aqiniseke ngendawo yakhe kwiqela lesizwe laseZimbabwe.

“Ndithetha nawe nje ndiya kwi-African Cup of nations, into ebingazukwenzeka ukuba bendidlalela iqela elincinci apha eMzantsi Afrika. Ndakuhlala ndimbulela ngamaxesha onke uTinkler noogxa bam abebehlala bendikhuthaza ngethuba ndingekafumani ithuba lokudlala kwiPirates.

Into emnandi kwiPirates kukuba sihlala njengosapho olunye. Aba bangadlaliyo bona baqinisekisa ukuba bayalixhasa iqela lonke,” utsho uNdoro.