Ngamashumi amabini abakhwetha ababhubhileyo

Ngamashumi amabini abakhwetha ababhubhele eSuthwini kwilizwe loMzantsi Afrika ngokubanzi ukusukela oko kuqale ixesha lokwaluka lasebusika.

Ingxelo ithi kweli nani iMpuma Koloni ihamba phambili ngeshumi elinesithandathu labantwana ababhubhe eSuthwini kulo nyaka.

Iphondo laseMpumalanga libhujelwe ngabakhwetha ababini, Limpopo babini abemnye eRhawutini aze abemnye eMntla Ntshona. Othethe egameni lekomiti ejongene neengxaki zokwaluka kuzwelonke nokwangusihlalo weMbumba Yamakhosikazi Akomkhulu uNosandi Mhlauli uthi azibaphathi kakuhle ezi ndaba bengamakhosikazi akomkhulu.

“Sibuhlungu kukuva ezi ndaba, kuba nokuba ebemnye umntwana obhubhileyo yinto engamnkelekanga konke konke leyo kuba kulahleka ikamva lelizwe apha,” ucacise watsho uMhlauli.

Le nkosikazi ithi ingxaki yeli siko lulwaphulo mthetho oluxakileyo kuzwelonke.

“Abantu abalusa abantwana ngokungekho semthethweni kwanokusetyenziswa kwesiko eli njengendlela yokwenza imali,” uthethe watsho uMhlauli. Uthi iinkosi zemveli neenkhokheli zamakhaya mazidlale indima ukuncedisa urhulumente kumadabi okulwa nengxaki yokubhubha kwabantwana eSuthwini.

“Isiko eli alinakuyekwa kuba linqanaba elibalulekileyo lokuthatha abantwana begqithiselwa kwelinye inqanaba elibaluleke kakhulu ebomini,” utshilo uMhlauli.

“Asisafuni kuva ukuba kukho omnye umntwana obhubhileyo eSuthwini kwakhona siyacela ukuba kusetyenzwe kuliwe le ngxaki ingaphindi iqhubeke kwakhona,” utshilo uMhlauli. Ngabakhwetha abangaphezu kwamashumi amane abathe bahlangulwa bayakugcinwa kumaziko asekwe ngurhulumente kwiindawo ezahlukeneyo zephondo.

Othethe egameni lesebe lentsebenziswano kurhulumente nemicimbi yemveli ephondweni uMamnkeli Ngam uthe abo bebehlangulwe bazakubuyiselwa kumakhaya abo.

“Aba bakhwetha bazakubuyiselwa kwiintsapho zabo kuba bakulungele ukugoduka ngoku emva kokuba sibathathe besengxakini,” utsho uNgam.