Zizakubalwa iifama zephondo leMpuma Koloni

Kumalinge okuphucula ulimo eMpuma Koloni isebe lezolimo nophuhliso lamaphandle kweli phondo lisungule iphulo lokubalwa kweefama ezikhoyo kweli phondo.

Othethe egameni leli sebe uMvusiwekhaya Sicwetsha uthi baneenjongo zokuthatha ulimo balibele kwelinye inqanaba eMpuma Koloni.

“Olu balo silenza sibambisene nesebe lezolimo kwiyunivesithi yase Fort Hare, sifuna ukwazi inani leefama, iimveliso zabo, inani labantu abasebenza apho kunye neendawo abarhweba kunye nazo,” ucacise watsho uSicwetsha.

Le ngxelo ithi enye yeenjongo eziphambili zeli phulo kukunika la mafama ithuba lokuxhamla kwiinkqubo zoshishino kunye norhulumente wephondo leMpuma Koloni.

“Sijonge ukubeka kumashumi amahlanu eepesenti ekhulwini inani lemveliso esizithengayo eziveliswe kweli leMpuma Koloni ngeenjongo zokuxhasa la mafama,” utsho uSicwetsha.

Ela sebe libongoza onke amafama eli phondo ukuba athathe inxaxheba kolu balo leefama kuba injongo ikwakukunceda bona ukuze baphuhle.

“Sikunye neyunivesithi yaseFort Hare sele sijikeleze kwiiNkosi, ooceba kunye nemibutho yamafama sicacisa indlela elizakuqhubeka ngayo olu balo,” uthethe watsho uSicwetsha.

Ukusukela ngomhla wesine kule nyanga abasebenzi abazakwenza olu balo baqalisile ukungena kwifiama ezahlukileyo becho chola ulwazi bebala ezi fama, itsho ingxelo.

“Akukho mali nampahla ifuyiweyo ekulindeleke ukuba ichaphazeleke kolu balo kuzakuthethwa namafama kubuzwa imibuzo kubo,” ucacise watsho uSicwetsha.

Yimali ephaya kwisiqingatha sesigidi seerandi ekulindeleke ukuba sisetyenziswe ukwenza lo msebeni nekulindeleke ukuba ugqitywe phaya ngempelanyanga kwinyanga yeThupha.

“Ukufumana ulwazi oluthembekileyo kubaluleke kakhulu kuthi kumalinge okuphucula ulimo leMpuma Koloni lubekumgangatho ophucukileyo,”utsho uSicwetsha.

Lo ka Sicwetsha uthi isizathu sabo sokusebenzisa la yunivesithi kukuba ngaphambili baqhube uphando olalubonakala ukuba lungabanika ulwazi olungathembekanga baza balinqumamisa.