Abafundi bathi babhuqwa ngamadimoni

KUNYANZELEKE ukuba iqhawulwe phakathi inkqubo yokufunda yasebusika (Winter School) eLady Frere emva kokuba abafundi kule ndawo bekhala ngelithi babhuqwa ngamadimoni.

Umfundi waseMount Arthur Girls High, ongavumanga ukunikisa ngegama lakhe, uxelele iphepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa ngalo mcimbi.

“Omnye umfundi uphume igazi ngeempumlo nangeendlebe sabe singayazi ukuba kwenzeka ntoni, yonke le nto ilandela emva kokuba omnye umfundi esivuse ngobusuku ebona ikati ecaleni kwebhedi yakhe singayazi ukuba ingene njani apha egumbini lokulala emva kokuyibulala siye safungelwa ngomnye umfundi,” utshilo lo mfundi.

Noxa kunjalo isebe lemfundo kwisithili saseChris Hani alivumanga kuqinisekisa ezi ngxelo, endaweni yoko lityhole aba bafundi ngelithi bonqena izifundo.

Umhloli oyintloko kwesi sithili uNomachule Bula uthi ziziganeko eziqhelekileyo ezi zokuba abafundi batyhole imimoya xa besoyiswa ziimeko zokufunda.

“Zifikile kuthi ezi ngxelo zokuba kukho iidimoni ezixake abantwana esikolweni saseMount Arthur, kodwa eyona nto ixakayo kukuba akukho nto ibambekayo ebubungqina, ndide ndathi kubo mabandifotele le nto bacinga ukuba ingumoya omdaka,” uthethe watsho uBula.

Uthi mabini amaziko athi adibanise aba bantwana ngeli xesha lasebusika ngelizama ukubanika ithuba lokuba bafunde banzi.

“Besibeke amakhwenkwe eFreemantle saze sabeka amantombazana eMount Arthur, siyakrokra ukuba ezinye zezizathu zabo kukuba abanye apha kubo boyiswa ziincwadi abayiqhelanga imeko yokuhlala kula ndawo bafunda kuyo, zona ezi ngxelo zeedimoni asinabungqina bazo,” ucacise watsho uBula.

UBula uthi abantwana xa bebadibanise kwindawo enye ngolu hlobo zibaninzi iingxaki kodwa basoloko benendlela yokubanceda.

“Kuyathandazwa phaya, umntwana ogulayo uthunyelwa ekliniki eMount Arthur okanye esibhedlele eGlen Grey, le yokumongoza siyivile kodwa akakhange aphume igazi ngeendlebe umntwana ebemongoza ngokuqhelekileyo,” utsho uBula.

Kwizityholo zokuba abo bemnkileyo kubafundi baqhutywe nayindlala uBula uyaziphikisa ezo ngxelo esithi

“Akukho mntwana ulambayo apha, abantwana batya kathathu ngosuku, sasithe kubo ukuba umntu ufuna ukutya okungaphezulu angaxelela abazali bamphathele ukutya, bonqena ukufunda ayikho enye into, ”uchaze oko uBula.