Yamkele amajoni amatsha iDikwena

Iqela lebhola ekhatywayo elizinze eRustenburg, iPlatinum Stars, libhengese abadlali abathathu kule veki phambi kokusungulwa kwesizini entsha.

IDikwena ifumene umdlali ogama lakhe inguBenson Shilongo ophuma eBotswana, apho ebedlalela iGaborone United. omnye umdlali nguThobani Kunene osuka kwiKings United. umdlali obuyela kweli qela nguHenrico Botes obekade edlalela iBidvest Wits kwisizini edlulileyo.

Esamkela abadlali abatsha umanejala weDikwena, umnumzana uSengezo Mazingiza, uthe bayavuya ukwamkela uBotes, uThobani noShilongo.

“UBotes ubuyela ekhaya emva kokudlala kwiWits ithutyana.

Indlela esisebenza ngayo kweli qela uyayazi futhi uzakuthi asincedise ngamava akhe. Sityikitye uShilongo osuka eNamibia. Sesinexeshana simakhele umkhanyo, uyifolosi esemgangathweni. Nguye obehamba phambili ngokufaka amagowuli kwiGaborone United yaseBotswana, futhi udlale kakuhle nakwiCosafa Cup.

Kanti yena uKunene yifolosi esiyifumene kwiKings United ofake amagowuli kwisizini edlulileyo kwi-ABC Motsebe League,” utshilo uMazingiza.

Ngokokutsho kukamanejala, eli qela lincwase ukongeza abanye abadlali ababini okanye abathathu kwezi veki zizayo.

IPlatinum yohlukene nabadlali abafana noBouna Coundoul, Kagiso Mlambo, Thabiso Semenya, Letladi Madubanya, Sibusiso Hadebe, Mahlatse Makudubela, Tlou Segolela, Eleazar Rodgers, Emmanuel Mathias, Mduduzi Nyanda noVincent Khumalo.