Inomqeqeshi omtsha iPolokwane City

Umdlali weBarcelona uLionel Messi ugwetywe iminyaka engamashumi amabini ananye kwizityholo zobuqhophololo, yinkundla yaseSpain.

Ingxelo ekhutshwe yile nkundla izolo ibisithi esi sigwebo singabhenelwa kwinkundla ephakamileyo yaseSpain.

Iijaji ziphinde zagweba uyise walo mdlali oyifolosi ye-Argentina ezakhe iinyanga ezingamashumi amabini ananye kwakwizityholo ezithathu zobuqhophololo.

Phantsi komthetho welizwe laseSpain, isigwebo esingaphantsi kweminyaka emibini, umntu angasithobela ehleli ngaphandle. Lo nto ithetha ukuthi lo mdlali uneminyaka engamashumi amabini anesibhozo kunye noyise bangangangeni entolongweni.

Inkundla iyalele uMessi ukuba abhatale isohlwayo sezigidi ezibini zeyuro, utatakhe yena abhatale isigidi nesiqingatha seyuro, kwezi zityholo bazibekwayo.

Ekuqaleni kwenyanga ephelileyo uMessi wavela enkundleni eBarcelona ehamba notata wakhe eyokuvela ngenxa yezi zityholo.

“Ndandidlala ibhola. Akukho nto ndandiyazi ,” watsho Messi enkundleni kwinyanga ephelileyo.

“Bendithembele kutata kunye namagqwetha am.”

UMessi ophumelele iwonga le FIFA lomdlali wehlabathi obalaseleyo, iminyaka emihlanu uphumelele iChampions League amatyeli amane, kwakunye netayitile yeSpanish La Liga kwiBarcelona.

Kwiveki ephelileyo, uMessi, wothuse abantu abaninzi kwihlabathi jikelele ngethuba esenza isibhengezo sokubeka kwakhe phantsi kwibhola ekhatywayo yamazwe ngamazwe emva kokuba ethe wagxekwa ngokubethwa kwelizwe lakhe i-Argentina yiChile ngumdlalo wamagqibela kankqoyi weCopa America. Ungomnye wabadlali abagxekwa ngokuba zange aphumelele ndebe okanye iwonga kwiqela lesizwe lase-Argentina.