Kwenzeke ntoni kwivenkile yokutya okumuncisa iintupha?

ABANTU baseMonti abathanda ukungcamla incasa yokutya okuginyisa iingwiqi kwesiXhosa ngoku bashiyeke bebuzana ukuba kwenzeke ntoni kwishishini i-OH! Yum nanjengoko livalile.

Ishishini i-OH! Yum kumbindi wedolophu iMonti kwakunye naseVincent laziwa ngokuthengisa ulusu, udodorhoyi nezinye izinongo zesiXhosa. Kodwa yinto yayizolo nanjengoko livalile ngoku. Akuphelelanga apho, ubhululu wala mashishini i-OH! Mi Cocktail Bistro eBerea eMonti ikwavalile nayo.

Sele iziinyanga zimbini evalile la mashishini.

Ukuvalwa kwala mashishini kukwashiye abasebenzi bekunxunguphalo nanjengoko abanye kubo luphelelwe yingqesho. Kwenzeke ntoni kanye? Lowo ngumbuzo ovela kuluntu. Umnini wala mashishini uOlwethu Hoyana akakhange atsho ncakasana ngoyena nobangela wokuvala kwala mashishini, esithi uqaphele ukwehla kwengeniso.

“Xa ungusomashishini ayafika amaxesha anje okuthatha isigqibo sokuba ukhe uthi xha, kwaye kuyafuneka nokuba unganyanzelisi, xa ubona ukuba izinto azihambi kakuhle,” utshilo uHoyana, esithi i-OH! Yum ibisele ineminyaka emine ikhona.

Kwisigqibo asithathileyo sokuvala ezi ndawo kuchaphazele nabasebenzi bakhe ebebesebenza kula mashishini ngokohlukana kwawo njengoko beye baphelelwa sisonka semihla ngemihla, kodwa inxalenye yabo, ngokokutsho kukaHoyana, ngena e-OH! Brigado eBeacon Bay engakhange ibe kanti ichaphazeleka ekuvaleni.UHoyanga uthi usenazo ezinye zezicwangciso anazo ngamashishini akhe, kodwa okwangoku akazokwazi ukudiza kuba kusengethuba.

Ucebise lowo unqwenela ukungena kwezoshishino ukuba makungabikho nanye into ekumisayo onqwenela ukuyenza, watsho esithi kubalulekile ukuba ubani alandele ukuba ithini intliziyo yakhe. UHoyana uthi konke ukutya obekukade kufumaneka e-OH! Yum kuyafumaneka e-OH! Brigado.

“Konke ukutya ebekufumaneka kwezi ndawo bezivulile kuyafumeka analapha. Akuzi bantu abazokusela kuphela namagosa karhulumente ayangena ukubambela iindibano zawo njengoko inendawo enkulu ethe gabalala.

Akukho nto ingafumanekiyo etyiwayo,” utshilo uHoyana.