Abuyisa isidima sawo amantombazana

Ukuzintyintya ngotywala kwamantombi aselula, ukukhulelwa, ukuhlala kwiindawo zentselo imini nobusuku kuquka ukuxhatshazwa kwamantombi aselula ngokwesondo, zizinto eziqhelekileyo ezo eCala.

Oku kukhokelele kwisixhenxe samantombi aselula eCala ekubeni athi “kwanele” emva kokuba eseke iphulo lokubuyisela isidima sobuntombi elithi Bring Back Our Dignity iBBOD ngamafuphi nesele ingundaba-mlonyeni kumaqonga ezonxibelelwano eCala.

Kudliwanondlebe nephepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa, umququzeleli nomseki ophambili kweli phulo okwangumbhali weencwadi eCala, uSanele Tyokolo oneshumi elinesibhozo leminyaka uthe: “Silwa neeBlessers, ukuxhatshazwa kwamantombi, indlala nokuxhatshazwa kotywala ngamantombi alapha.

“Ingxaki apha eCala yindlala ebomvu ebangela sihambe silala naba tata kuba sifuna imali yokuziphilisa nangona ibancinci iphinde ize neziphumo ezibi ezifana nokufumana izifo okanye ukudlwengulwa lula ngaba tata,” kutsho uTyokolo.

Eli phulo likwaxhaswa nayintloko yeenkonzo zoluntu yasekuhlaleni kumaspala iSakhisizwe, uThanduxolo Nobhongoza. Lizakusungulwa ngokusesikweni ngomhla wesithoba kule nyanga nalapho kulindeleke ukuba kuphiswe ngeempahla zangaphantsi zamanina ii-sanitary pads kwabo bangathathi ntweni eCala.

“IiBlessers sidikiwe zizo apha eCala kuba zitshabalalisa isidima sethu kwanekamva lethu singamantombazana. Sithi kwanele ngoku, kwaye ngeli phulo siza nezisombululo kwezi ngxaki sinazo singamantombi aseCala,” utsho uTyokolo.

Kwabo bafuna ukufaka inkxaso kweli phulo ngezinto ezifana nee-sanitary pads kwanoluleko lomphefumlo nenkuthazo kumantombazana aselula aseCala angadibana noSanele Tyokolo kumnxeba ongu: 071 767 7202.

isibhalo@inl.co.za