Balishumi elinesine abakhwetha ababhubhileyo

Uzakugaleleka kweli leMpuma Koloni namhlanje usekela mphathiswa wesebe lentsebenziswano kurhulumente nemicimbi yemveli uObed Bapela ngenxa yokunyukwa kwenani lokubhubha kwabakhwethwa.

Ingxelo ithi lishumi elinesine labantwana baseMpuma Koloni ababhubhele eSuthwini ukusukela oko liqalile ixesha lokwalusa lasebusika.

Lo mphathiswa kulindeleke ukuba anyathele kwiingingqi zase-O.R. Tambo nalapho lihleli khona ityheneba lokubhubha kwabantwana.

Othethe egameni leli sebe kweli leMpuma Koloni uMamnkeli Ngam uthi isebe lakhe liyaqhubeka ukunqandela abantwana.

“Ingingqi yaseOR Tambo isahamba phambili nakwesi isihlandlo ngamanani abantwana ababhubhele eSuthwini, yilo nto eyenza ukuba umphathiswa abe uzakutyelela phaya,” uthethe watsho.

Ethetha namajelo eendaba kwinyanga ephelileyo uBapela uvakalise inkxalabo yakhe ngephondo leMpuma Koloni.

“IMpuma Koloni isoloko iphala phambili kumaphondo athi asinike ingxaki ngeli xesha lokwaluswa kwabantwana, kungoko sisoloko sixhasa iinkqubo zokunqanda ezi ngxaki,”watsho uBapela.

Njengaminyaka yonke, lo mphathiswa umemelela intsebenziswano phakathi kwabazali abalusa abantwana kunye nengcibi namakhankatha kwakunye namagosa karhulumente.

“Isiko asilolikarhulumente, kodwa isiko lelabantu bencediswa ngurhulumente ukulwa iingxaki zabo,”utshilo uNgam.

Ingingqi yasemaMpondweni isoloko ihamba phambili ngamanani abantwana abathi babhubhele eSuthwini xa kuthelekiswa nezinye iingingqi zeMpuma Koloni.

Kunyaka ophelileyo ngabantwana abakumashumi amane anesithandathu abathe babhubha kweli leMpuma Koloni kuphela ngexesha lokwalusa lasehlotyeni.

Urhulumente wephondo ugalele imali ekumashumi amabini ananye ezigidi zeerandi ngeenjongo zokuqesha iinqwelo mafutha zokuncedisa amagosa karhulumente, amadoda okuhlala kunye neNkosi ukuze kuliwe ukubhubha kwabantwana. Ixesha lokwaluka lasebusika liqale kwiiveki ezimbini ezigqithileyo.