Imali yingxaki esiyifunayo

Imali yingxaki efunekayo esingekabinabuchule bokuzenzela nokuyiphatha xa sele ikhona. Kudla ngokuthiwa ke, xa ufumana imali qiniseka ukuba wenza enye imali ngale ingenileyo. Siyadinga ke ukuyazi uba yenziwa njani lo nto.

Imali iyasilawula bethuna futhi iyasikhoboza. Xa ndicinga uba yintoni ebangela ukuba sibe kanti sithe bhazalala kwiindawo ngeendawo kude namakhaya ethu nabazali bethu, sivuka singathandi, isizathu yimali. Phofu xa ujonga nale mali ayikho, asiyiboni.

Ikhona into esingayaziyo ngemali nekufuneka siyifunile, siyenzile. Soze kaloku kuthi kanti bekumele ukubanje. Ndicinga uba noko ngoku bekumele sicinge ngokuphangaleleyo ngezinye iindlela esingaphila ngazo lo gama senza imali. Andiqondi uba ukuphila kwethu kuthi masibekude nabo sibathandayo.

Kwanto ekohlula nosapho lwakho ayimandanga. Kudla ngokuthiwa imali ilapha kuthi ezandleni, mhlawumbi funeka siqale apho. Into endiyaziyo ke ngomntu omnyama kukuba akonqeni, engonqeni enjalo ikhona into encinci ekufuneka eyifundisiwe.

Abantu abaninzi badla ngokukhala ngokuthi siluhlanga olonqenayo. Kodwa xa ndijonga amashishini amaninzi enza imali ayenza ngabantu bakuthi. Kuyafuneka khe sidibanise iintloko sicinge izinto neendlela ezingasinceda, umntu enze le nto inguye.

Xa umntu esenza into ayithandayo, enze nemali ngaxeshanye ubomi buba lula namakhaya ethu angatsho abeluqilima. Le yokubanabantwana abangenabudlelwane nabazali babo egameni lemali asiyonto bekumele injalo. Kutsha nje ndiyaqhankqalaza ukwenza into ngenxa yemeko. Ngakumbi iimeko ezingamkelanga. Bethuna xa kuthethwa ngenkululeko kufuneka siyive nalapha emakhayeni ethu, kwiindawo esihlala kuzo. Sele sikule nto sikuyo nje yamakhaya angazinzanga yile misebenzi siyenzayo, misebenzi leyo esintyumpa ntyumpeka ematyaleni sikuyo.

Xa singahlalli nabantu esibathandayo nabasondeleyo kuthi esingathanda ukuhlala nabo ngenxa yemisebenzi, noko bekumel’ba yona imali iyabonakala. Kungabikho mali, kungabikho konwaba, siphilela ntoni kanti? Umntu ubomi uzobonwabela xa liphi ilanga? Sibe phofu sikhulisela abantwana bethu kwezo meko.

Ndihlaba umceli mngeni kumntu wonke ofunda eli phepha, azibuze ukuba kwisizukulwana esilandelayo uzobanegalelo lini. Xa sisohlulakala kukuzikhupha thina, abezayo ingase bangafika kumhlaba othambileyo. Uba esi simo asilungiswa sithi, sizolungiswa ngubani?

Noba abantwana sesibasa esikolweni, babuya bazobakule nto sikuyo nathi isixakileyo. Wafunda umntu akafunda, isiqalekiso sokungabikho konwaba sona sixabile endleleni, kwaye imali yingxaki efunekayo. Akukho nto sinokuyenza ngaphandle kwayo noba singathi imali asiyonto yonke, kodwa isisidingo.

Bambalwa kakhulu abantu abathi ezezimali azingomceli mngeni. Ingxaki ke kukuba; kwasesikolweni zange safundiswa ngayo. Andiqinisekanga ke ukuba kwaba basekula mabanga aphantsi uba bayafundiswa na, kodwa ngale ndlela ndibona ngayo abantwana bethu asibalungiseleli ubomi bokwenyani abazukujongana nabo nobusixakileyo.

Ndiyakholelwa kukuxhobisa abantu abangekafiki kwiingxaki esendifike kuzo, khonukuze umntu azozenzela ezakhe iimpazamo efundisiwe.

Mninzi gqitha umntu onokuba nento yokuthetha ngezinto azenzileyo anothi xa enokuqaliswa ekuqaleni angangazenzi. Zezo zinto kanye abalandela emva kwethu abadinga ukuziva.

Ukuthi ebantwaneni bangawenzi amatyala xa bephangela akuzubanceda kuyaphi ngoba kakade ulifumana ityala ungalikhangelanga kwezi ntsuku. Eyona nto idingwa ngumntwana ophuma esikolweni oqala ukuphangela kukuba, xa ethe umntu wawenza la matyala makalindele ntoni.

Xa sibabekela nemiphumela yemikhethe esiye sayenza, safunda kabuhlungu kuyo izobenza lo nto bathi ‘qwa’. Ukuze sibengabantu abangcono, nabaphucukayo kwizimo esijamelene nazo, kubalulekile ukuba sabelane ngamava. Iimpazamo zakho zingandakha ukanti nezam zingakwakha.

Ngeenkcukacha: 079 284 175, katomnoku@gmail.com