Ugalelekile uGuardiola eManchester

Isizini inye yile izayo, kwi-English Premier League, kuzakudlala iintsimbi abantu bebukele.

Amaqela esixeko esidumileyo kwihlabathi iManchester, omabini anabaqeqeshi abatsha, lo nto ithethe ukuthi ukhuphiswano phakathi kwawo luzakuthi chatha kuneminye iminyaka.

Ayingobaqeqeshi nje ke aba; ngoompondo zihlanjiwe, ophopho neenkcuba buchopho zebhola ekhatywayo. Abo nguPep Guardiola noJose Mourinho.

Umqeqeshi omtsha weManchester City, uPep Guardiola, uthi ukulawulwa kakuhle kweli qela zezinye zezinto ezimtsalileyo. Ukutsho oku kwintetho yakhe ayenze esidlangalaleni ngethuba esaziswa kwinginginya yabalandeli beqela lakhe elitsha.

Lo mfo kaGuardiola usuka kwilizwe laseJamani, apho ebeqeqesha iqela elingoorha satsha iBayern Munich. Phambi kokuya kwakhe kwelamaJamani, wayeqeqesha iBarcelona FC yaseSpain, awazibalula kuyo ngebhola eyaziwa ngokuba yiTikateka.

“Ndikhulele kwelinye lamaziko abalulekileyo ehlabathini elivelisa abadlali abatsha eBarcelona, kuloo ndawo abadlali abancinci babalulekile. Esinye sezizathu esibangele ukuba ndize apha kungoba ndiyakwazi ukubaluleka kokuveliswa kwabadlali bangomso,” utshilo uGuardiola.

Akukho apho aqeqeshe khona uGuardiola angayifumani impumelelo. Nalapha kwiManchester City kulindelwe lukhulu ngabalandeli abafuna ukubona iqela labo ligqugqisa kwakhona kwi-EPL nakwiChampions League yaseYurophu.

Lo mqeqeshi kuwo onke amaqela awaqeqeshileyo ukwazile ukufumana impumelelo, ngoko ke nalapha kwiManchester City kulindeleke ukuba afumane impumelelo efanayo nakuloo maqela asuka kuwo.

Ubukho bakhe kwi-EPL buzakuthi bufunqule ukhuphiswano phakathi kwamaqela amakhulu.