UZlatan utsalwe bubukho bukaMourinho

Umdlali odumileyo waseSweden, uZlatan Ibrahimovic, uthi eyona nto ibangele ukuba azibandakanye nelona qela lithandwa kakhulu kwihlabathi, iManchester United, ngumqeqeshi walo uJose Mourinho.

Lo ka-Ibrahimovic ubhengeze ukuya kwakhe eManchester ngoLwesine kwahlokoma lonke ihlabathi; abanye abantu bebevuyela lo nto lo gama abanye bebothukile. UZlatana utyikitye unyaka nje omnye neeRed Devils, kodwa uthi ujonge phambili kwisizini entsha phantsi kwesandla somqeqeshi wakhe ngethuba esengumdlali weqela lase-Italy eliphambili i-Inter Milan.

“Ndingatsho ukuthi ndichulumance kakhulu kukuba ngumdlali weManchester United futhi ndiyilinde ngamehlo abomvu loo mini endiyakuthi ndiqale ngayo ukudlala umdlalo wokuqala. Ngaphandle kwamathandabuzo ndiyakuvuyela ukusebenza noJose Mourinho kwakhona. Ungumanejala onobuchule obungumangaliso, kwaye ndiyakonwabela ukusebenza naye,” utshilo * -Ibrahimovic kwikhasi lomnatha leqela lakhe elitsha.

Lo mdlali unamashumi amathathu anesine eminyaka, uthi kodwa okwenzekileyo kwikhono lakhe lebhola ekhatywayo ukonwabele, kwaye uzimisele ukuzenzela iinkumbulo ezizakuhlala zihleli ebomini bakhe. Le ndedeba izibalule kakhulu kwibhola yehlabathi ngokufaka amagowuli, idlalele amaqela afana neMalmo FF, Inter Milan, Juventus, Barcelona neParis Saint-Germain.

Njengokuba uMourinho ebizwe leli qela ukuze avuselele ubunganga beManchester United kwi-English Premier League, lo mdlali ngomnye azakuthi athembele kuye kwisizini entsha.