Imozulu embi kwiphondo leMpuma Koloni

Kulindeleke umsinga obandayo okhatshwa ziintshizane ozakungena kweli leMpuma Koloni ukusukela ngentseni yangoLwesihlanu.

Le mozulu ibandayo kulindeleke ukuba ikhatshwe ngumoya obanda ngamandla namaqonda aphantsi ngolona hlobo.

Kukwalindeleke ikhephu kwiindawo ezikwiintaba eziphakamileyo zephondo leMpuma Koloni eziquka iintaba zaseBaviaans, intaba zaseTsitsikama, Winterberg, Amathole naseHogsburg.

La maqondo kulindeleke ukuba ahlale ephantsi kude kuphele impelaveki, kulindeleke ukuba kutyhile kuphela ngoMvulo weveki ezayo.

Ingingqi yaseKomani, eRhafu kunye neTinarha kulindeleke ukuba zibenawona maqondo aphantsi ngezi ntsuku lo gama iMossel Bay neMonti izezona ndawo zizakuba namaqondo aphezulu kunazo zonke iindawo zeMpuma Koloni.

Izanuse zezulu zithi amaqondo aphantsi ngolu hlobo agqibele ukubonwa kweli phondo ngonyala ka2014.

Ukanti idolophu yaseBhayi ifumene awona maqondo aphantsi kwintsasa yayizolo ngenxa yeempawu zokuqala zokungena kwalo msinga ubandayo.

Iingingqi ezinekhephu elimandla eMpuma Koloni zigqibele ngoJulayi ngonyaka ka2011 ukubona umyinge wekhephu ophezulu.

Amagosa emozulu kweli alumkisa uluntu ukuba luhlale kwiindawo ezikhuselekileyo okanye luzikhusele ngempahla efudumeleyo.