‘Bubugwala obubangele ukushiya kukaMatthews’

Bubugwala nokungakwazi kucinga okubangele ukuba ashiye esikhundleni sakhe uJimi Matthews obengumlawuli oyintloko obambele kwiSABC.

Oku kuthethwe yiANC ngomlomo wesithethi salombutho uZizi Goodenough Kodwa emva kokuvakala kweendaba zokuba lo ka- Matthews ushiye esikhundleni sakhe Esabc.

UKodwa uthi ukushiya kukaMatthews kwesi sikhundla liyelenqe lokuzama ukwenza ukuba kungabikho zinzo kweli qumrhu losasazo iSABC.

“Ubonakalisa ukungakhathali, sisigxeka ngokumandla esi senzo, iinjongo zokushiya kwakhe kukwenza ukuba kungabikho zinzo kwiSABC kanye ngeli xesha landulela ulonyulo loomasipala,” utsho uKodwa.

Uthi kungenzeka ukuba ukushiya kukaMatthews kuqulunqwe ngabantu abangenanto yokwenza neSABC.

Lo kaMatthews ukhuphe esidlangalaleni incwadi ecacisa ngokushiya kwakhe kwesi sikhundla esithi uyazisola ngokuba yinxalenye yeSABC ingakumbi ngeli xesha lokuthathwa kwezigqibo ebengahambisani nazo.

“Ukuba uthi iSABC ithathe izigqibo ezingekho mthethweni, uyinxalenye yoko kuba ebekho ngethuba kusenzeka ezo zinto kwaye ebenikwe igunya lokulungisa ezo zinto,”uthethe watsho uKodwa.

Ukushiya kukaMatthews kungahle kubangele uqhankqalazo langaphakathi kubasebenzi beSABC kuzwelonke, itsho ingxelo.

Ukanti owayesakuba ngumphathi weendaba eSABC uPippa Green uthi uMatthews wenze kakuhle ukushiya esi sikhundla.

UGreen ukhe wasebenza njengelungu lebhodi elawulayo eSABC ukusukela ngonyaka ka 2012 ukuya ngonyaka ka- 2013, uthi uMzantsi Afrika mawumqhwabele izandla uMatthews ngokushiya esi sikhundla.

“Ndisebenze naye ukusukela ngeminyaka yoo1980, ndimazi kakuhle indlela abona ngayo izinto, ngoko ke ndithi wenze okulungileyo ngokushiya,” uthethe watsho uGreen.

Umbutho wabahleli beendaba eMzantsi Afrika iSouth African Editors Forum uthi, eli ziko lilawulwa ngokufanayo nexesha lengcinezelo.