Zibuyele esiqhelweni izinto eMatatiele

Zibuyele esiqhelweni izinto kumasipala waseMatatiele, kulandela uqhankqalazo labasebenzi oluthe laqhubeka kwiveki ephelileyo.

Abasebenzi balo masipala bangenele kuqhankqalazo emva kokuba betselelwe umvuzo kulandela uqhankqalazo olwalungagunyaziswanga ababelubambe ngoTshazimpuzi.

UManejala walo masipala uGqirha Tshepang Nakin uthe: “Bekufanele ukuba imali yona bayitsalelwe kuba kwakutshiwo kwathwa okuqhankqalazo akazukuhlawulwa.”

Uqhankqalazo lababasebenzi belunodushe kangangokuba bade batshisa negumbi likamasipala.

UNakin uthi nangona zingekaphumi iziphumo zomonakalo abawenzileyo ngethuba kusitsha, amanye amagumbi ngokokuqikelela yena umonakalo ungafika pha ku: R150 000. Isithethi samapolisa ala mmandla kwakunye neendawo ezingqongileyo uKapteni Raphael Motloung uthi, ubemnye kuloo nginginya yabasebenzi abathe bambamba.

“Ubhaqwe xa kanye ebeqhwithwa lo mrhanelwa ezakutshisa amavili eemoto zamagosa,” utsho uMotloung.

Iingxelo zithi, abezopolitiko kwakunye namagosa alo masipala aphezulu ephahlwe ngamapolisa aye asondela athethana naba basebenzi bebeqhankqalaza. Indoda leyo ibibanjiwe kulindeleke ukuba ivele phambi kweenkundla zamatyala zala ndawo kungekudala.