#NAF16: Amanina athabatha iqonga eRhini!

KWIMINYAKA engamashumi amathandathu eyadlulayo, amazwi athi ‘Wathint’ abafazi, Wathint’ imbokodo, avakala kwizitalato zasePitoli nanjengoko amashumi amabini amawaka (20 000) amanina ayevela kwilizwe jikelele abamba umngcelele oyimbali.

La manina ayesingise kwiZakhiwo Zomdibaniso ukuya kuthi thaca umqulu wezikhalazo owawunyevulela ukuphathwa kwamapasi kwinkulumbuso yangoko uJG Strijdom.

Esi sehlo sikhunjulwa namhlanje xa kuvulwa umNyhadala kaZwelonke wezoBugcisa wonyaka wama-42 eRhini. Malunga nomyinge wama-80 womsebenzi okwinkqubo yalo mnyhadala ulawulwe, waveliswa, waze wonganyelwa ngamanina phantsi komxholo walo nyaka othi, Celebrating Women.

Kodwa, ngokutsho kowongamele ubugcisa kulo mnyhadala, uIsmail Mahomed, injongo ayikokuqhwaya iinkumbulo, kodwa kukubhiyozela ihambo yamanina kwezobugcisa nemiba abahlangabezana nayo. “Amakhosikazi adlale indima ebonakalayo kubugcisa boMzantsi Afrika.

Lo nyaka ngowo kubaqwalasela nokubhiyoza.” Uyavuma ukuba usemde umgama ekufuneka uhanjiwe phambi kokuba amanina akweli candelo alingane namadoda.

“Kuninzi ukungalingani kweli candelo kwilizwe jikelele. Ngelixa sinamanina amaninzi abukhali ekubhaleni, ekongameleni, ekuzobeni nasekudaniseni – amathuba awafane aziveze, ngenxa yohlobo okukhutshwa ngayo inkxaso kweli lizwe.”

Kodwa yena umdlali kulo mnyhadala, umbhali wemidlalo, umlawuli nomvelisi uLara Foot, uthi kuye, oku ayingokulingana nabantu abangamadoda. “Andizange ndibe nantshisakalo yakulingana namadoda. Konke endikufunayo kokokuba amanina axatyiswe njengamntu wonke,” utshilo.

Njengengqonyela nomlawuli weBaxter Theatre Centre, imisebenzi kaFoot ibonakaliswa kwimidlalo emithathu kule nkqubo.

Umdlalo othi The Inconvinience of Wings ubalisa ngebali lobuhlobo, ukuchithakala, ukuchewuleka kunye neengelosi, nanjengokuba umyeni ekhangela ichiza lokunyanga inkosikazi yakhe enesigulo sengqondo esibizwa iBipolar.

Eminye imisebenzi yakhe emibini yangaphambili, iquka uKaroo, uMoose kunye noTshepang, izakuphinda iboniswe kulo mnyhadala.