Aphanzile amalinge okufumana ibheyile kuPanayiotou

Umtyholwa ophambili kwibholo lokubulala umfazi wakhe uChris Panayiotou uphinde woyisakala ukufumana ibheyile kwiinzame zakhe zakutsha nje.

Iingxelo zithi umantyi wenkundla uAbigail Beeton ukudize oku kwinkundla ngoLwesihlanu ngethuba uPanayiotou equqa ebuyelela ezinkundleni efuna ibheyile, kuba umantyi esithi akukho bungqina butsha bunokumenza afumane ibheyile.

UBeeton isicelo sikaPanayiotou wasikhaba kwakunyaka ophelileyo, kulapho wabhenela kwinkundla ephakamileyo eRhini nalapho sakhatywa isicelo sakhe.

UPanayiotou ujongene netyala lokuba ngungqondongqondo ekubulaweni komfazi wakhe owayengutishala eTinarha uJayde (2T8) kunyaka ophelileyo ngethuba eme kwindawo alinda kuyo imoto xa ephangela.