UMtsi ubalula iinzame zokuphuhlisa ulutsha

“ILIZWE, umbutho, noluntu olungaliniki ngqalelo ulutsha, alinakamva.” Lawo ngamazwi kaOliver Tambo acaphule kuyo uAlfred Mtsi, ngethuba enika intetho yomasipala ombaxa iBuffalo City njeSodolophu.

Kwintetho yobume besi sixeko, eyenziwe kule veki, uMtsi ukhumbule iminyaka engamashumi amane entshukumo yolutsha eSoweto ngelichasene nokunyanzeliswa ukuba lifunde isiBhulu. Uncome indima edlalwa lulutsha kwibhunga lolutsha, nolutsha oluthatha inxaxheba kumaqela ezopolitiko kwakunye neenkqubo zolutsha ezikhethekileyo.

Uthe, “Silinika inkxaso nenkuthazo, kuba ikamva lesizwe sethu lisezandleni zolutsha.” Kwiphulo lokuxhobisa ulutsha eBCM, uMtsi ubalule ibhasari ekhutshwa sesi sixeko nekuxhamle kuyo amashumi amathathu anesihlanu kuyo.

Ukwathe, “Sisungule ibhasari exabisa izigidi ezilithoba nezakunceda amashumi asibhozo anesihlanu abantu abatsha kwizifundo zediploma kwiYunivesithi iWalter Sisulu, neququzelelwa libhunga lolutsha.”

Ukwabalule ikhulu elinamashumi amane lolutsha oluxhotyiswe ngelayisensi yokuqhuba isithuthi.

UMtsi uthe amashumi amathathu olutsha afumana uqeqesho lokunakekela indalo kumaziko oluleko, ngelixa amashumi amane athe azuza uqeqesho ukuze adlale indima kuqoqosho lweli.

“Siyabulela kwabo bathe basixhasa abaquka iSETA enceda amashumi amabini anesihlanu abakhubazekileyo ngokuzuza izakhono zokuyila ifashoni, ngelixa ikhulu lizuze amathuba okufundela izakhono phantsi kwesebe lolawulo loluntu,” uqhube watsho uMtsi.

Ukwathe amaziko anika iingcebiso kulutsha eMdantsane, eQonce, naseGompo ziyaqhubeka nokuqeqesha ulutsha likwazi ukusebenzisa iikhomputha, kwaye luxhamla kumnatha wasimahla kula maziko.

“Umqulu wenkululeko uthi amaziko emfundo azakuvuleka. Siyazingca ngabo bathe bathatha inxaxheba kumathuba esithe sawanika kuquka nabo bathe basixhasa ekuphumezeni oko,” utshilo okaMtsi.

johnnie.isaac@inl.co.za