URuan Combrinck uvuziwe ngokudlala ngendlela entle

Umdlali wasephikweni kwiSpringboks uRuan Combrinck uzakuwongwa ngenxa yendlela adlale kakuhle ngayo kwiveki ephelileyo xa iiBoks bezidlala ne-Ireland. Lo mdlali uzakuqala kumdlalo wangomso, phakathi kweSpringboks ne-Ireland eBhayi.

Le ndedeba idlala kwiiLions kwiSuper Rugby yenze umahluko kakhulu xa ibingena ebaleni kumdlalo weveki ephelileyo kwisiqingatha sesibini. Uye wangqengqa nasemgceni kumdlalo wakhe wokuqala into emenze aqatshelwe njengomdlali obalaseleyo.

UCombrinck kulindeleke ukuba angene endaweni kaLwazi Mvovo kubadlali abazakuqala umdlalo. Umvovo usokole kakhulu kwiveki ephelileyo eRhawutini kwaye khange afumane mathuba kakhulu okubheka phambili. Ingakumbi ngelixa iiBoks zisokola kwisiqangatha sesibini sala mdlalo. Ngoku uCoetzee kuyanyanzeleka ukuba abize abadlali abadala beSpringbok ukuba bazokuncedisa, njengokuba sele enzile ngoMorne Steyn.

Abantu abaninzi bebememelela ukuba uCoetzee akhethe abadlali bakhe ngokwendlela abadlala ngayo ngalo mzuzu, angaqwalaseli imbali yomdlali. Ingakumbi emva kwegalelo likaComnrinck kunye noWarren Whitely kumdlalo weveki ephelileyo.

UWhiteley naye uzakuqala kumdlalo wangomso engena endaweni kaDuane Vermeulen owenzakeleyo. Kubonakala ngathi uCoetzee uzakunika abadlali abangamagqala kwiBoks, uFrans Malherbe noJP Pieterson ithuba lokuba baphinde bazibonakalise kwakhona.

Kufuneka bazibonakalise ukuba bangenza ngcono kunendlela abadlale ngayo kwiiveki ezimbini ezidlulileyo.