Alinikwanga bheyile isela leegusha kuCentane

Limiselwe uLwesibini weveki ezayo ityala lotyholwa ngokugqugqisa esiba iigusha kummandla wakuCentane, uMthetheleli Sigwadi (42).

Lo mrhanelwa uvele ezinkundleni zamatyala akuCentane ngoMvulo.

USigwadi akalinikwanga ithuba lokuthetha enkundleni kwaye ushiyeke ngaphakathi eziseleni. Oku kulandela emva kokuba kwabhaqwa igusha sele ixheliwe kumzi obunomsebenzi wokubulelwa kwezinyanya kwilali yakuQoboqobo kuCentane ngoMgqibelo, ibhaqwa ngumnikazi wayo obelahlekelwe ziigusha.

Umrhanelwa wabanjwa kowabo kwilali yaseMthonjeni eTutura. Amapolisa athi zisibhozo iinkabi zegusha ezirhaneleka ukuba zibiwe nguSigwadi.