Ushiyeke eziseleni odlwengule amantombazana aselula

Limiselwe umhla wamashumi amabini anesibhozo ityala lendoda enamashumi amane anesithathu ubudala yinkundla yaseAlexandria emva kokuvela kwayo ngoMvulo ezinkundleni ijongene netyala lokudlwengula iintwazana ezimbini eziselula ngeminyaka.

La maxhoba athi adlwengulwa yile ndoda, mabini, yintwazana eneminyaka emithandathu kwakunye neneminyaka elithoba ubudala. Umrhanelwa ubanjwe kwikhaya lakhe eAlexandria kwiveki ephelileyo.

Iingxelo eziphuma kuSajini Mlulami Mafani zithi le ndoda, aba bantwana yabadlwengulela kwityotyombe elikwifama eseAlexandria kwiiveki ezimbini ezidlulileyo.

Le nyewe yokudlwengulwa kwezi ntwazana ivele esikolweni kwinkqubo yephulo lweveki yokukhuselwa kwabantwana i-Child Protection Week.

Iingxelo zithi omnye kula maxhoba mabini uxelele utishala wabo ngale meko noye wakhawulezisa wayokuxelela unontlalontle owayekhona kwinkqubo le yayisesikolweni.

Unontlalontle waxelela amapolisa, umrhanelwa wayokubanjwa kwangoko ngamaplisa ekwityotyombe lakhe.

Ngomvulo uthe tshe ezinkundleni akanikwa thuba lokuphefumla, laze ityala lakhe lamiswa limiselwa ukuba afake isicelo sebheyile. Ushiyeke ngaphakathi eziseleni de kufike umhla wakhe wokuvela kwakhona kwiveki ezayo.