Wonelisekile umqeqeshi weCity Lads

Umqeqeshi weqela le-City Lads yaseBhayi, uMoses Ndlela uthi wanelisekile linqaku elinye abalifumene kumdlalo wabo kunye neThunderbirds Ladies FC kwibala le-Yunivesithi iWalter Sisulu eGcuwa ngoMgqibelo.

IThunderbirds Ladies FC idlale ntanganye ngamagowui amathathu macala kunye neCity Lads kumdlalo weSasol Coastal Stream League ngempela veki. ILadies FC yiyo enkqenkqeza phambili kuluhlu lwamaqela eli nqanaba nto leyo eyenza ukuba lo mqeqeshi oneliseke naleli nqaku linye alifumeneyo. Encokola neli phepha ndaba, uthe “Sizamile kakhulu, eyona nto besiyifuna linqaku elinye , amathathu ibiyakuba yinto enkulu kakhulu kuthi,” uNdlela ukutsho oku emveni komdlalo.

Omabini la maqela aze kulo mdlalo engekabethwa, emva kwemidlalo emithathi ayidlalileyo ayiphumelela yonke, kodwa umahluko ibingowokuba iLadies ibingekavuleli gowuli kwezayo iipali, nto leyo eyenze yaphala phambili kwiSasol Coastal Stream League. UNdlela uthi bazakudibana nalo eli qela laseMnquma kumjikelo wesibini kwimidlalo yeli nqanaba eBhayi. ILadies FC yaseMnquma isankqenkqeza ngaphambili kuluhlu lwamaqela eli nqanaba ngamanqaku alishumi emva kwemidlalo emine. Umngangatho wala maqela mabini uphantse wafana ngokwendlela adlala ngayo nahlasela ngayo, kodwa umahluko iLads FC ivulele amagowuli ngasemva, lo gama yona iLadies ibiqala ngalo mdlalo ukuba kufakwe kuyo amagowuli oko kuqale isizini.

Ezinye iziphumo, iMustangs Ladies FC ibethe iSophakama Ladies ngamagowuli amathathu eqandeni, iManchester Babes ibethe iYunivesthi of Fort Hare ngamagowuli amane eqandeni, lo gama iGolden Star FC ingakhange ifike ebaleni ze yaqengqelwa yiBirmngah City FC.