Freese: Kusifanele ukuya kwiPremier League

Njengokuba uShaun Bartlett esithi elakhe iqela lidinga imilingo ngoku ukuze lihlale kwi-Absa Premier Soccer League, iHighlands Park FC edlala kwaNational First Division idinga inqaku elinye jwi.

Umqeqeshi weHighlands, * -Allan Freese, wonwabile kakhulu yindlela edlale ngayo, uzithembile futhi iqela lakhe lifanelwe kukunyuselwa emva kokusebenza nzima kwimidlalo edlulileyo yokuzibekela indawo kwaPSL, kodwa uyilumkele into yokhwaza engekaphumi ehlathini.

UFreese wayefudula eqeqesha iPlatinum Stars, kodwa yamkhulula emva kwesizini enye ngenxa yeziphumo ezazingancumisi. Kwisizini ephelileyo uthathe iHighlands Park wayibeka kwindawo yesibini kwaNFD emva kweBaroka FC ebikhuphisana nayo ubukhulu becala kwisizini edlulileyo.

Eli qela laseGoli selizenzele igama ngokungawahloniphi amaqela akumgangatho ongasentla ngakumbi emva komsebenzi omhle elawenza kwiNedbank Cup edlalwa ngamaqela aphezulu nasezantsi.

Kwezi nzame zayo iHighlands zokunyukela kwinqanaba elingasentla, iye yancedwa ngamava kaFreese onethuba namava kwibhola yoMzantsi Afrika.

Ngoku iqela likaFreese lakunyuselwa ukuba lithe lakwazi ukufumana amanqaku amathathu kwiMbombela United kumdlalo ozakube useMakhulong Stadium ngoLwesithathu wale veki. Ngoku iHighlands idinga ukuphumelela umdlalo ubemnye ukuze iqiniseke ngendawo yayo kwiPSL kwisini ezayo.

“Sikusebenzele ukuba kule ndawo. Akululanga tu kwaNFD, kodwa kubalulekile ukubeka iingqondo zethi kule nto siyifunayo ngoba sinomdlalo ngoLwesithathu,” utsho uFreese. “Le midlalo inzima. Sinesicwangciso salo mdlalo ungoLwesithathu, kunyanzelekile siwuphumelele,” utsho uFreese.