Abaphulaphuli beForte FM babethwe ngabasasazi ebaleni

Iziko losasazo lase kuhlaleni iForte FM belibambe umdlalo wokukhumbula usuku lolutsha kumabala ezemidlalo eYunivesithi yaseFort Hare, eDikeni, izolo.

Lo mdlalo ubuphakathi kwabasasazi besisikhululo kunye nabaphulaphuli abasuka kummandla waseDikeni ukuya kutsho eQonce.

Isikhululo saseForte siwuphumelele lo mdlalo ngamagowuli asixhenxe kwamathandathu kwixesha elongezelelweyo. Umphathi weenkqubo kwesi sikhululo uSifiso Molemane uthe: “Siyi Forte FM enye yeenjongo njengesikhululo kukuba sibonakale kakhulu ekuhlaleni, siqaphele ukuba ikhona iminyaka apho singakwazanga ukubonakala eluntwini.

Sibonile ukuba sinayo inyoba ngolu suku lolutsha. Siqondile ukuba eyonanto ezakwenza kube lula ukunxulumana nabaphulaphuli kukuba sidlale nabo umdlalo wobuhlobo.”

“Uninzi lwabasasazi bethu ngabantu abatsha, kwaye sizibona njengeziko elibalungiselela ukuba bafumane imisebenzi.

Senze umdlalo kuba siyayazi ukuba yeyonanto isondeleyo ezintliziyweni zabo, kunokuba kwenziwe iintetho ezahlukeneyo,” wangeze ngokutsho.

Lo mdlalo ibiliphulo lokuba abaphulaphuli banikwe ithuba lokunxulumana nabasasazi, kwaye babone apho lisebenza khona iziko labo losasazo.

Abaphulaphuli nabo bavakalise ngazwi linye ukonwaba kwabo kukuthatha inxaxheba kulo mdlalo uququzelelwe yiForte FM. Esi sikhululo asiqali ukuthatha inxaxheba kwezemidlalo, sele iyinto abayiqhelileyo. Bebesandula kudlala kwimidlalo yezikhululo zosasazo zasekuhlaleni kwezinyanga ziphelileyo.