Kugawulwa ihlathi elizimela amasela aseNgcobo

Liphanzile icebo elitsha lamasela odumo aseNgcobo lokuba imfuyo ayifihle kumahlathi akwiintaba zaseZabasa kule dolophu. Kuvakala ukuba abantu bebelahlekelwa ziigusha iibhokhwe nkqu neenkomo kungabonakali kwa mkhondo.

Emva kwexesha elide usenzeka lo mkhuba abahlali baye baqaphela ukuba kwimithi yendywabasi eyenze amahlathi axineneyo, kukho iintambo ezishiywe zijinga kunye nomgquba kubonakala ukuba bekubotshelelwe isilwanyana, bakungena nzulu ehlathini bafumana imfuyo ebilahlekile ibotshelelwe kule mithi.

Umasipala ombaxa iChris Hani undwendwele indawo yaseZabasa ukuza kuthi thaca icebo lokulwa nemithi yendywabasi ukuze kusinde imfuyo yabantu kukhuselwe nomhlaba.

Usodolophu walo masipala uMxolisi Koyo uthe: ‘’Amasela akazi kubanandawo yokuzimela ngoku singulo masipala sizakuyisusa yonke lo ndywabasi, noongantweni aba bazimela kuyo babambe abantu babakhuthuze, abayi kuba nandawo yokuzimela.’’

Ukwathi ngaphandle kwala masela agqugqisayo le mithi ifunxa amanzi amaninzi kakhulu phantsi komhlaba yaye indawo egcwele lo dywabasile ngumhlaba otyebe kakhulu ekufuneka ukuba usetyenziselwe ukulima.

Umasipala waseChris Hani ebambisene nawaseNgcobo umemelela abahlali ukuba bangenelele kuliwe nodywabasile.

Ukanti abahlali baphiwe nemithi engaphaya kwamakhulu amahlanu engafunxi manzi maninzi emabayityale emakhayeni abo ukuze bafumane umthunzi ngexesha lasehlotyeni.

Kungoku nje aba masipala baqeshe abantu abaliqela bale lali abazakugawula le mithi bafumane isibonelelo kulalwe kutyiwe kumakhaya abo.

isibhalo@inl.co.za