Uxanduva lokuba linenekazi lokuqala

UKUBA linenekazi lokuqala lephondo kuza noxanduva olungummangaliso kuba abantu basoloko bejonge ukuba wenze izinto ngokwahlukileyo kunesiqhelo.

La ngamazwi kamama uFuzie Masualle, inkosikazi yenkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uPhumulo Masualle.

Eli nenekazi silikrwece kwindibano ebibandakanya amanina eANC ebibanjwe eBora Bora eMonti ngoMgqibelo.

Umam’ uMasualle uthi uqaphele ukuba abantu bajonga lukhulu kuye ngenxa yokuba etshate nenkulumbuso. “Ewe ndiyayiqaphela eyokuba abantu basoloko belindele lukhulu kum. Luxanduva endingaluthathi kancinane olo,” kutsho umam’ uMasualle.

“Sihlukile kakhulu kuba utata (Phumulo) ukwezopolitiko kakhulu mna ndikwezoshishino nangona ndisekwibakala labakhasayo,” utshilo umam’ uMasualle.

UMam’ uMasualle ukwadize ukuba ukwiphulo lokunceda uluntu lwephondo phantsi kombutho iFuzie Masualle Development Foundation (FMDF) aceba ukuyisungula.

Lo mama wabantwana ababini uthi okubalulekileyo kukuba abantu bephondo bamazi ukuba naye unesakhe isakhono esahlukileyo kwinkulumbuso.

Umam’ uMasualle uthi oomama ziintsika zokuphuhliswa kwelizwe, ukuqala endlin’ ekhaya ukuya kushishino, ngoko ke undoqo kuqoqosho lwelizwe kukuba amanina athabathe inxaxheba.

Uthi uyavuya xa ebona abantu abatsha bethabatha inxaxheba kwiinkqubo zokuzikhulisa.

Ecebisa oomama abakushishino, umam’ uMasualle uthe: “Kubalulekile singoomama ukuba sijonge zonke iinkalo zokusikhulisa kwezoshishino, khon’ ukuze sikwazi ukukhawulelana neengxaki ezijongene namakhaya ethu.”

Icebiso lakhe ekukhuliseni umntwana, kukuba mqeqeshe umfundise ukuba akwazi ukuzimela xa kufike ithuba lokwenza oko.

abongile.ginya@inl.co.za