Umbongo ngoNokholeji

Uyakuphuphuma umlambo iTyhume uzele ziinyembezi,

Kalok’ imaz’ endala ehleli elungqamekweni,

Ayitshayi nqawa koko ivuth’ idangatya.

Namhla kufike bantu bambi kulo mzi kaNokholeji,

Besithi baze kuncanca kuloo mbele wemfundo,

Bathi kuba beswel’ ingqiqo nengqeqesho bantumek’ iimbambo zawo

Yhini na mz’ ontsundu nith’ isizwe sethu sisingiselephi na?

Kaloku imfundo likhubalo elakusikhuph’ engcinezelweni,

Esayishiyelwa ngoorhulumente abasivimb’ ulwazi,

Khalimani, khalimani sizw’ esintsundu

Nal’ ishwangusha phezu kweentloko zenu

Nithin’ ukuyekel’ abantwana badlalise ngekamva,

Lenzala yesinqe sikaNtu?

Lo mzi kaNokholeji kaloku,

Wakhuph’ iinkcuba buchopho ezalwel’ ilizwe.

Nithini na ukuyekela xa kusonakala?

Le mazi imbele-mde kaloku incancise iiKumkani,

Neenkokheli zaphesheya kwemilambo nemilanjana,

Ngoko ke hlonelani isidima nesihomo sayo!

Ayaguquka amathambo eenkokheli zesizwe shukumani,

Ayakhalim’ amathambo ooSobukhwe,

OoMatthews, ooMaxeke nooMandela, xokozelani

Kwakhe kwanje phi na nxakamani, nixoxe ‘de nize nezisombulo.

Zihleli ezi ngwevu phezu kwentaba kaSomgxada,

Zibukele, zithi konakeeele eFort Hare,

Bambi kambe bengafumenanga kwamfundo-ndini le bebeyinxanelwe;

Zemk’ iinkomo magwala ndini nilelephi na?

Uyakuphuphum’ umlamb’ iTyhume,

Uzele ziinyembezi Khalimani mz’ ontsundu konakele.