USpandeel uyayiyeka ibhola ekhatywayo

Iqela lalapha eMpuma Koloni elidlala kwiNational First Division, iMthatha Bucks izolo likhulule ngokusesikweni igqala lomdlali walo uMoses Spandeel.

Emva kokuba engakhange abonakale kwibhola ekhatywayo ixesha elide, uSpandeel uphinde wabuyela xa wayetyikitya noMthatha Bucks ekuqaleni kwesizini ka2015/2016.

IBucks imtyikitye uSpandeel emva kokuba edlale ngokuzimisela kwiqela elidlala kwi-ABC Motsepe League iHungry Lions.

USpandeel udlale indima ebonakalayo ekuncediseni Amathol’amnyama ukuba ahlale kwiNFD, emva kokuba litsale nzima kakhulu eli qela kwesi sigaba.

IBucks ukungqinile kwikhasi layo likaFacebook ukuhamba kukaSpandeel.

“ Singathanda ukuthi ndlela ntle kuMoses Spandeel, lo mdlali unamashumi amathathu anesithandathu uthathe isigqibo sokuba abeke phantsi kwibhola ekhatywayo,” itshilo iBucks.

Udlale iminyaka elishumi kwiBloemfontein Celtic.