Azakuxoxa kwinyanga ezayo amasela ezidumbu

Lizakuxoxwa yinkundla yamatyala yenqila eMthatha kwinyanga ezayo ityala labarhanelwa abane basetyhini abatyholwa ngokuba izidumbu kumzi wogcino lwazo karhulumente eMthatha.

Abarhanelwa uNomfaneleko Nondula (48), Nomagcisa Mayeza (39), Nomasister Mahlungulu (32), Vuyiswa thembu(42) bavele kancinane enkundleni yamatyala kwiveki ephelileyo. Ngethuba bekhwela emkhumbini bebebonakala bezolile bengenaloyiko lokuqala kweli tyala kwaye alikhange ligqibe neshumi nesihlanu lemizuzu larhoxiswa.

Izizathu zokumiswa kweli tyala kukucotha kophando kweli tyeli lesithathu. Ngethuba eli tyala livela enkundleni ngoFebruwari kulo nyaka abarhanelwa babebathathu.

Umrhanelwa wesine uVuyiswa Mthembu ubanjwe ngookhetshe kwinyanga ephelileyo ngokudlala indima kobubuqhophololo bokubiwa kwemizimba.

UMthembu uqeshwe lisebe lezempilo kwiziko lokugcina izidumbu iForensic eMthatha.Kusuku lwayizolo amagqwetha abarhanelwa aquka uPhumza Malifane ebengekho enkundleni ngethuba kuqhuba eli tyala. Ngokwengxelo yombuso uphando alukaqosheliswa ngamapolisa, kunyanzeleke umantyi uGugulethu Namba alimise ukunika ithuba lokuqhuba kophando. Kulindeleke lixoxwe kwinkundla yesigqeba kwinyanga ezayo.

Abarhanelwa batyholwa ngokuba umzimba womntu owasweleka kwingozi yemoto kwindlela uN2 ngaseSibangweni ngoDisemba, izinzalelwane yaseMbizana.

Ityala limiselwe umhla weshumi elinesihlanu kwinyanga ezayo. Ngolu suku kuzokhangelwa umkhomba ndlela kulungiselelwe ukuqala kweengxoxo.