Uyahamba umqeqeshi weJunior Boks

Umqeqeshi weJunior Boks uDawie Theron uliqhwabele izandla iqela lakhe emva kokuba libethe iJapan ngo’59-19 kumdlalo wendebe yehlabathi ngoLwesibini.

IJunior Boks bezisiza ngasemva kulo mdlalo ngelixa kusukwa ekhefini, kodwa zikwazile ukulwa zize nempumelelo.

Impumelelo yeli qela iza- kulinceda ukubheka phambili kolu khuphiswano. Ekuqaleni kwalo mdlalo iJapan ibihamba phambili ngo’19-7 kanye phambi kokuba kuyiwe ekhefini.

“Kwisiqingatha sokuqala bothuke kakhulu abadlali bam, kwaye ndicinga ukuba bebengayilindelanga into eyenzekileyo, kodwa ndibaxelele ukuba yindebe yehlabathi le kufuneka usebenzise amathuba akho ukuze ufumane amanqaku,” utshilo uTheron.

“Ibisisifundo esinzima kuthi, kodwa sikhawuleze sawufunda umdlalo. Ndicinga ukuba sikwazile ukudibana kakuhle njengeqela emva kokuba ndithethe nabo kakhulu abadlali ekhefini, kwaye isebenzile loo nto ekugqibeleni.”

UZain Davids ofumene iwonga lokuba ngumdlali obalaseleyo noJeremy Ward oyikapteni, bobabini bangqengqe emgceni amatyeli amabini. Iindaba ezingazokwehla kamnandi kubadlali beJunior Boks kukuphulukana kwazo nomqeqeshi ekupheleni kwale tumente. Izolo i-SARU ibhengeze ukuba uTheron wamkele isivumelwano sokuqeqesha kwiDocomo Red Hurricanes yaseJapan. UTheron kulindeleke ukuba ahambe kweli qela ekupheleni kwale tumente yendebe yehlabathi eqhubeka eNgilane.

“Ndingathanda ukubulela uDawie ngegalelo lakhe kumbhoxo weli loMzantsi Afrika, akaphelelanga kwiintsuku zakhe esadlala kwiSpringbok, nangoku angumqeqeshi weJunior Boks kuphela. Wenze umsebenzi oncomekayo nasephondweni,” itshilo ingqonyela yeSARU uJurie Roux.

“Phantsi kolawulo lukaDawie iqela lesizwe lombhoxo labaminyaka ingaphantsi kwamashumi amabini liphakathi kwamaqela ahamba phambili kwihlabathi jikelele.”