Bafun’ iinkonzo eKei Road

Iphazamiseke ngokumandla inkqubo yokufunda nokufundisa kwizikolo zaseKei Road kumasipala waseAmahlathi emva kokuba abahlali bevale indlela engena kule ndawo.

Le ndlela ivalwe iiyure ezintathu idibanisa le lali kunye nedolophu yaseQonce, iBhisho nedolophu yaseQumrha.

Othethe egameni labahlali uAwonke Simandla uthi kudala belindele izindlu kunye neenkonzo eziphambili kumasipala waseAmahlathi.

“Ukusukela ngonyaka ka2008 oko sithenjiswa ngokuba sizakwakhelwa izindlu, sizakunikwa amanzi nezinye iinkonzo ezifana nokucocwa kwezitalato, zonke ezo zinto azenzeki,” ucacise watsho.

Uninzi lwabahlali bahlala kwizindlu abazakhe ngokwabo, lo gama abanye kubo behlala kumatyotyombe aneminyaka engaphezu kwamashumi amabini ukuya kumashumi amathathu.

“Sithenjiswe ngezindlu kusekho uNosimo Balindlela kutshintshwa oomeya nooceba oko sasilindele izindlu, siqalile asibuyimva,”uthethe watsho uSimandla.

Abahlali bathi abasokuze bavote kwaye abafuni namntu ufunwa ukuvotelwa enguzimele geqe kule ndawo.

“Asisoze sivote apha thina kuba kudala simahlwa ngaba bantu baphetheyo apha betshintshana ngathi benikana izikhundla eziphezulu sikruqukile,” utsho uSimandla.

Isikolo samabanga aphakamileyo iKei Road Combined School asikhange sibabone abafundi izolo ngenxa yolu qhankqalazo. Uceba wale ndawo yakwaWadi 9 uThobeka Mpendu uthi uyazazi iingxaki zabahlali baseKei Road.

“Banyanisile kudala belindele izindlu, nam ke ndihambe kakhulu kwisebe lezindlu ephondweni ndithenjiswa ukuba inkqubo yokwakhelwa kwabo izindlu iyaqhubeka ndisalindile,”uthethe watsho uMpendu.

UMpendu uthi into anokuyithetha kwaba bahlali kukuba balinde de kufike elo xesha.

“Into engeyonyani kwizikhalazo zabo kukuba bathi abanikwa zinkonzo, ayiyonyani ke leyo indawo, amanzi akhona, umbane ukhona nezinye ke iinkonzo eziphambili,”utshilo uMpendu.

Lo kaMpendu uthi kuzakufuneka ukuba kuze isebe lezindlu kule ndawo ukuze abantu baxelelwe ukuba kwenzeka ntoni malunga nezindlu abazifunayo.

Ilizwe loMzantsi Afrika lizakuba lisiya kulonyulo lomasipala ngoAgasti.