#AKAwinanga uAKA

ISIGEZO yinto apha enganqabanga phaya kuTwitter. Mihla le wofika abantu bekhwela bezehlela kumntu othile. Kule veki oko kugquba ihashtag engu #AKAwinanga ebhekisa kwimvumi yomculo werephu enguAKA obuye nelize kwiiSouth African Music Awards (SAMA).

Emva kweeSAMA eNkosi Albert Luthuli Convention Centre ngempelaveki, abantu abaninzi bebethetha ngo-AKA. Bemhleka ngelithi akaphumelelanga wonga nangona ebonyulwe kabini kudidi lwe-Amstel Record of the Year ngengoma yakhe ethi “Baddest” enoBurna Boy, Khuli Chana noYanga nengoma engu “All Eyes on Me” ayibetha noBurna Boy, Da Les noJR. Xeshikweni kusaziswa abakhethiweyo kolu didi uAKA wabhala * “Dololo” kuTwitter. Lo dololo kukhangeleka ngathi wayebhekisa kuCassper Nyovest ongakhange akhethwe kolu didi.

Emva kwamawonga uAKA uphinde wabhala wathi, emva kokuzama kangaka nokusebenza nzima abantu bathetha ngento enye qha, * #AKAwinanga.

Kude kwangenelela nenkokeli yeEFF, uJulius Malema, egalela iparafini kulo mlilo ngelithi: “SAMA22 award dololo!”

Abanye abasebenzisi bakaTwitter bathe:

@sondaham: Ungabokuqhela uDJ Zinhle neEFF, bakuthandazela… Uyabona ngoku? #AKAwinanga

@ZikhonaTshona: NeBafana Bafana iphumelele kweyayo imidlalo, kodwa yena #AKAwinanga ‏

@RobertNdzudzeni: Rule no. 1 – Ungaze ugezele umama womntana wakho. Rule no. 2 – hlonipha uRule no.1 #AKAwinanga ‏

@nondende @Lwazi_G_Mbewu: #AKAwinanga ngoba uzenza bhetele kakhulu; intloko ingange planethi eyiJupiter. “tshotsho”!