‘Izigrogriso zobunqolobi zikhona eMzantsi Afrika’

NOXA nje iBhritane ikhuphe isilumkiso izolo, ixelela abemi bayo abaseMzantsi Afrika malunga nezigrogriso zobunqolobi, eli lizwe lisamile kwelithi akukho sizathu sakuxhalaba.

Isithethi sekomishini yendlu yozakuzo yaseBhritane eMzantsi Afrika uIsabel Potgieter ukhuphe isilumkiso kwinto ayichaza njengenkxalabo yelizwe laseBhritane malunga nabemi bayo abaseMzantsi Afrika.

Oku kuza emva kokuba iMelika ikhuphe kwa isilumkiso esifana nesi ngempelaveki, ilumkisa abemi bayo abakweli lizwe.

UPotgieter uthe: “Ukhuseleko lwabemmi baseBhritane lubaluleke kakhulu kuthi kwaye siluqwalasela ngamaxesha onke ingakumbi kwicandelo lezophapho. Sibone ukuba masicebise abantu bethu kulandela umyalezo weMelika ngempelaveki.”

“Izigrogriso zobunqolobi zikhona eMzantsi Afrika, ingakumbi xa siqwalasela ulwazi esilufumene ngomhla wesine kule nyanga,” kutsho uPotgieter .

Ngokomyalezo waseMelika, ezona ndawo zisebungozini kubunqolobi ludederhu lweevenkile eRhawutini naseKapa.

Ngenjikalanga izolo, bebengaphaya kwesigidi abantu abasele behlole igama elithi terrorist attacks south Africa (uhlaselo lobunqolobi eMzantsi afrika) kuGoogle.

Kodwa uClayson Monyela, isithethi kwisebe lobudlwelwano behlabathi, uthe akukho sizathu sakuxhalaba.

“Iinkqubo zethu zokhuselo zisemcimbini, ngoko ke singabaqinisekisa abemi abakweli lizwe ngelithi ukhuselekile uMzantsi Afrika,” kutsho uMonyela okwathe imiyalezo ekhutshwe yiMelika neBhritane ifumana ingqwalasela kurhulumente welizwe.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za